Umakhulu nabazukulwana bafunyenwe bedalala emlanjeni eTsomo!

UFUNYENWE sele ebhubhile umakhulu waseTsomo onama-71 yeminyaka, kwakunye nabazukulwana bakhe ababini abangamantombazana ana-16 kwakunye ne17 leminyaka emva kweveki kubikwe ukuba banyamalele. 

Isithethi samapolisa kula mmandla uKapteni Namhla Mdleleni ubike ukuba imizimba yesi sithathu ifunyenwe ngabelusi bemfuyo idada kumlambo uMhlahlane eTsomo, baze babikela amapolisa nafike beqanyangelwe ngamakhonkco.
 
Lo makhulu nabazukulwana kurhanelwa ukuba baxhwilwe ngobusuku bangeCawa ukuya kwintseni yangoMvulo.

Oku kulandela emva kokuba enye yezi ntwazana iye yavula ityala lokudlwengulwa ngumalume wayo okwatyholwa ngokuyenza nzima.

Omathathu la maxhoba omkhuba wokuxhatshazwa kwabasetyhini, anyamalele emva kokuba kufike amapolisa kweli khaya ngelizokuphanda izityholo zokudlwengulwa komnye wamaxhoba. 

Nomalume wala maxhoba kubikwa ukuba uye wanyamalala kwangobu busuku sithe sanyamalala ngaso esi sithathu. 

Amapolisa aseMpuma Koloni acela ukuba nabani na onokuba luncedo ekubanjweni kwabo bachaphazelekayo kweli sikizi baqhakamshelane nabakwantsasana kule nombolo 08600 10111