Abafundi bephepha baphalaza izimvo zabo ngoJessica

Mncedi Liwani:

Mna ndicinga ukuba akade axolise, kufuneka adliwe okanye anikwe uphum’aphele kwiziyunguma nemicimbi yaKomkhulu .

Kwanele Magwa Macosa

Lo notsibidyokhwe unguJessica undwebe gqitha akazazi izinto amakazindwebele. Uthatha umboko kuMongameli Thabo Mbeki, ngoku xa uthathwa kuye uyagqwashumla. Asiqali kubona imbongi ngaye. Eqongeni ebeye kubonga bani? Akayombongi kaMongameli Mbeki.

Noluntu Matiwane:

UJessica xa ebenentshisakalo iphelele phi xa kusakoxuthwa umboko? Hayi wethu yimbongi yosiba uJessica, hayi eyomthonyama, etsho ngemibongo engavakaliyo. Nantsiya imbongi ibibonga emangcwabeni ivakala ukuba ithini yaye bekucanyagushiwe, zathobela zonke ezinye iimbongi.

Mandlakazi Bikitsha:

Ivelaphi le ntshisakalo kuba ndimazi engeyiyo imbongi yomthonyama. Bezikhona zona kodwa zithobele umyalelo. Khawundiqondise apha: bekuthiwe abafazi mabangayi engcwabeni kodwa ibinguJessica oye wakhokela ibhokisi. Uyikhabe yonke imiyalelo yekhaya.

Barbie Mhatu:

Ukuba ubumamele Umhlobo Wenene FM kudliwanondlebe nosapho, isithethi sosapho sikhathazeke kakhulu. Sithi bebexelelwe likhaya ukuba inkqubo ithini. Unomsindo kakhulu utata omele ikhaya ngokuba engakhange awuhloniphe la mzi, qha noJessica uqina enyaleni endaweni yokuxolisa. Akayiphenduli eyokuba kwathini xa uthathwa umboko angaqhubeki abonge.

Ndlela Mapakathi:

UJessica akenzanga ibitheni, oyena mntu wenze okubi nguGeneral Mgwebi usibonise ubukrwada, phofu umntu waseMhlahlane ubulindele ntoni kuye.

Unathi Mpati:

Ndisacinga inokuba sesiphi esona sikhulu isigigaba esinondibeka emilebeni yabantu njengale ntombi, nam ndifuna ukutsiba ilitye likaPhungela okanye uPhungela ubuqu.