Iincwadi eziya kuMhleli

Ndingutitshala kwesinye sezikolo zabucala. Kwinyanga yoMsintsi ndithabathe inxaxheba kwiprojekthi yokufundisa abantwana ngeeholide eDutywa.

Siwugqibe lo msebenzi ngoJuly, sagcwalisa iifomu kwathiwa masilinde ukuvuzwa liSebe leMfundo.

Silinde ithuba elide de ngelingeni zabuya kwakho ezo fomu saphinda sazityikitya ngokutsha zaza zathunyelwa eGcuwa.

Siphinde saqala umlindo omtsha nalapho sithe saphakamisa unyawo saya ngokwethu eziofisini.

Sifike apho saxelelwa ukuba bekukho impazamo nendlela obalwe ngayo umvuzo wethu, lo nto iza kulungiswa kungekudala. Sisabambe isisila sehobe unanamhla.- Nyumbari Mufiri