Umdlalo weqonga uboniswa eNgqushwa!

OnguMdidiyeli weLast Supper - The Musical uXabiso Zweni nomdlali kwimidlalo yeqonga uAnele Penny

UMANDLA ligatyana lomfana elisendleleni eya entolongweni ukuya kujamelana nesigwebo ngezityholo “zokubulala” eFreystata, apho kwabhubha isibini esimhlophe esele sikhulile.

Usapho lukaMandla ngoku lugqibe kwelokubamba isidlo sangokuhlwa okanye isopholo yokuthi ndlelantle kuMandla.

Kwesi sidlo, kulapho kuvela khona iimfihlo zosapho. UMandla nodadewabo uNosipho baqulethe inzondo ngakuyise owabashiya beselula bezitabalazela bekunye nonina.

Usapho lothuka nangakumbi xa lisiva ukuba umalume kaMandla unomntwana nesithandwa sikaMandla uMandisa.

Lo ngumdlalo weqonga othi Last Supper – The Musical nobhalwe yinzalelwane yaseBhayi uXolani Mali, noza kuboniswa eqongeni kwiHolo iNcumisa Kondlo eNgqushwa ngalo Mgqibelo.

Lo mdlalo weqonga okhatshwa ngumculo, uza kudlalwa ngoompondo zihlanjiwe babadlali beqonga abafana noAnele Penny (odlala uMandla) odume njengoMqokeleli kwibali loMhlobo Wenene FM uIthini na le Nto; uNosipho Sompani (onguMandisa) nonguChuma ku-Ithini na le nto, uThandokazi Marcia Ntoni, uFiks Mahola kwakunye noLungelwa Magqamfana.

Indumasi kwimidlalo yeqonga, uXabiso Zweni, okwanguMvelisi oPhambili walo mdlalo uza kube naye ekhona eqongeni.

Umbhali weli bali, uXolani Mali, wenze izifundo zeSpeech and Drama kwiYunivesithi yasePitoli. UMali ubongoze abahlali baseNgqushwa ukuba baphume ngobuninzi babo bazokonwabela lo mdlalo.

Ukanti uPenny, onkaba iseWoodlands kule dolophu yaseNgqushwa, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba iya kuba luchulumanco kuye ukubonisa ngesakhono sakhe sokubalisa amabali phambi kwabantu akhuliswe nakhulele phambi kwabo.

“Kudala iliphupha kum ukukhwela eqongeni ledolophu endizalelwe kuyo, phambi kwabantu endizalelwe kubo. Iza kuba yimini yolonwabo eNgqushwa,” kutsho uPenny ngoncumo.

Amatikiti afumaneka emnyango eHolweni ngeR50. UPenny ubambe ngazibini kuMasipala ngokubanika iholo ngaphandle kokubahlawulisa.

Kulindeleke ukuba iLast Supper – The Musical iboniswe eQonce naseBhayi ekupheleni kwenyanga yoMqungu 2020.

simphiwe.freddie@inl.co.za