Oovez’ iinyawo ezilalini

Ubuqungqutha bumombethe lo rhulumente. Uninzi lwabantu basezilalini banako ukuzakhela imizi. Babumba baxove umhlaba bazakhele izindlu; bafuna iinto zokuxhoma nokwafulela kuphela ezivenkileni.

Bazakhela amapomakazi besebenzisa iindlela zabo. Libathwana lamavila ezilalini owofika lihleli kumadlokodloko ezindlu, kwanabo ke sele bekhulile bangenabancedi njengoko izindlu zodaka zidinga ukukhathalelwa.

Ngabantu basezilokishini abafuna ukwakhelwa ngurhulumente. Bambi bakha amatyotyombe kwiindawo ozibona ungazixelelwanga ukuba ziba neempuphuma ngelixa leemvula, ze zakufika iimpuphuma bathi “rhulumente sanyule.”

Ngumntu onjani owakha emlanjeni, mhlawumbi kuba ebona amanzi ewuthile okanye umlambo womile, ze kwakuna iimvula umlambo ugcwale athi makanyulwe?

Umlambo uya kuhlala ingumlambo, kwaye amanzi akuhlala eyibanga indawo yawo, akukhathaliseki nokuba yiminyaka mingaphi na engasabonakali kuleyo ndawo.

Ndibayeke ke abantu basezilokishini, kuba ndiqinisekile ndithetha ubudenge kubo kuba ndingayazi impilo yaselokishini. Mandithethe ngeelali ezi ndazi zona.

Ewe, bakhona abantu abasokolayo ezilalini, abaludingayo uncedo lokwakhelwa ngurhulumente ke ngoko. Sibabonile abanye bevezwe koomabonwakude, sithi sixakwe sinjalo ukuba inokuba kuxa bekutheni na ukuze kube njalo, singqine ukuba bayaludinga uncedo lokwakhelwa.

Kodwa uninzi lwabantu basezilalini abadingi kwakhelwa ‘vezinyawo’ basezilokishini. Zifika zibe yimpoxo ezilalini ezi zindlu, uyibone ungayixelelwanga ukuba nguveza ke ngoku lo.

Ufika iyingcucu ecaleni kwamapomakazi odaka abazakhele wona abantu, ngathi yintanga kwabawuqondayo ke umcimbi wentanga. Andazi ukuba amagosa karhulumente akawujongi na umzi phambi kokuba bakhe ‘uvezinyawo’ kuwo.

Bebemele ukuba bayawujonga umzi ze bathi ngokwesidingo bakhe ke, njengoko kusenziwa phaya ezilokishini. Ngoku ufika lo ‘veza’ engathi lidladla emzini, ubona nje ukuba akukhange kubekho kwasidingo sakhe, abanye bamenze idladla ke ngenene.

Abantu basezilalini kurhulumente badinga amanzi, iindlela, umbane, iinkonzo zonakekelo lwemfuyo, iinkonzo zezolimo, ezemfundo kwakunye neenkonzo zempilo.

Ezo zezona nto zingundoqo kubantu basezilalini kurhulumente, hayi ukwakhelwa ‘oovezinyawo.’ Ukuba banobonelelwa ngezo nto lingehla nenani lababalekela ezilokishini kuba befuna ukuba kufutshane kwezi nkonzo.

Iilokishi zaseDyoki (Ugie) zigcwele abantu basezilalini nasemaplasini. Abasuka ezilalalini baleqa ukuba kufutshane kwiinkonzo zikarhulumente, amalose wona ebefuna kwandawo zinokuba zezawo ohlukane neyomlungu.

Ndathi unakanye ke mna ukuba ndizibone sele ndingumntu waselokishini, ndilunge phaya kuJusefu onombane omkiswa nasisikhalo sembongolo uyokubuya ngonoquku.

Unjalo kaloku umbane wethu phaya; ilixa leemvula nje siza kuwudinga mpela. Kutsho isithonga sezulu sibe sinye umke uyokutshona apho singaziyo, kufuneke umbiwe ngemihlakulo ukuze ubuye.

Obunjani bona ububhanxa Eskom! Andazi abhidwa yintoni amagosa karhulumente kwizidingo zabantu basezilalini.

Nabantu bayazithanda iinto eziwa emthini, abathi hayi xa besakhelwa ‘ooveza’ bengabadingi. Loo ‘vezinyawo’ ezilalini unose ajikwe abe yithoyilethi. Kubanzima ukuphakama xa ndizithume endle, ndikhawulezelwe ngamadolo ngenxa yesifo samathambo.

Ukwakhelwa ithoyilethi ke mna wasezilalini kokona ndikudingayo kunovezinyawo lo.

Ooceba noomasipala bonganyelwe bubutitisholo nobuqhitala obumangalisayo, abazazi ezona zidingo zabantu ababameleyo. Abantu abohlulwa nakukukhupha ikatapila ikrwele indlela. Suka! Basicholela eziwa phantsi, oku kokuba uceba kuthiwe unento ayenzileyo.

Kwakufika uvoto olulandelayo loo ceba uza kuphinda agempeze apha esithubeni esixelela ukuba usakhele ‘ooveza’ masiphinde simvotele. Suka!

Makabafunqule ayokuphisa ngabo elokishini apho bafuneka khona ‘ooveza,’ eze neenkonzo ezifanele oonolali esingabo thina. Goba msenge iibhokhwe zikutye!