Sobe inikezele iBidvest Wits, utsho uGavin Hunt

Gift Motupa of Bidvest Wits challenged by Tebogo Langerman of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2019/20 match between Mamelodi Sundowns and Bidvest Wits at Loftus Versfeld Stadium, Pretoria, on 07 January 2020 Samuel Shivambu/BackpagePix

Ukhuphiswano
lokuba sendaweni yokuqala phakathi kwamaqela adlala kwiPSL xa kuphela isizini
luthande ukuba nzima kule isizini. Indawo yokuqala ibanjwe yiKaizer Chiefs
ukuzothi ga ngoku – kodwa nangona kunjalo, umqeqeshi weBidvest Wits uthi iqela
lakhe ngeke linikezele kwiinzame zalo zokuphakamisa indebe yePSL ekupheleni
kwesizini. UGavin Hunt ukuthethe oku emva kokuba iWits, ehleli kwindawo
yesithathu, ibambene ngeqanda neMamelodi Sundowns ekwindawo yesibini. Nangona
uHunt enethemba lokuphumelela kwiPSL, iqela lakhe lisajongene nomnqantsa
wokudlala imidlalo enzima kwiCAF Confederation Cup. Kukho iingxelo ezithi iWits
ixikixwe ziingxaki zemali ezibangele ingakwazi ukufumana abadlali ebibafuna –
kodwa uHunt uthi ngoku wakha iqela elitsha eliza kubuyisa isidima sayo.

“Emva
kwemidlalo elishumi elinesithathu, ndingawamkela amanqaku angamashumi amabini
anesixhenxe phantsi kwemeko esikuyo siliqela. Sinabadlali abazimiseleyo
kakhulu. Sakha iqela elitsha ngoba kukho ihlumela labadlali abasakhulayo. Asinayo
enye indlela, kufuneka sizame ukuqina bona abadlali bethu abasakhulayo,”
utshilo uHunt. Emva kokuba iqela lakhe lizuze inqaku elinye eLoftus Stadium, uHunt
ulamkele watsho esithi umdlalo ngowuphunyelelwe naleliphi na iqela. “Siphoxekile
ngoba besifuna amanqaku amathathu emdlalweni. Kodwa ke ngoba siye salahlekelwa
ngomnye umdlali, siyazamakela iziphumo ngoba bekungeke kubelula ukuphumelela
kwethu. Omabini amaqela ebenalo ithuba lokuthatha amanqaku amathathu.
Besilifumene ithuba elihle lokufaka igowuli emdlalweni,” utshilo uHunt.