Makangapeyinti ngebhrashi enye uMakuliwe

Ndiphakanyiswa linqaku lomfo kaMakuliwe, nelipapashwe kwiI’solezwe lomhla we19 kweyoMnga ka2019, phantsi kwesihloko esithi, Intsha into yamagqirha angcwaba abantu.

Noxa iyinyaniso le aza nayo, kodwa ke impazamo kukuba apeyinte wonke umntu ozabalazela le nkolo ngebhrashi enye, kaloku ukubonakala kwenkonjane enye akuthethi ukuthwasa kwehlobo!

Kungoko ke ndisithi mandidadele enzulwini ngelityhila umkhusane khona ukuze nabani na abone ukuba kwenzeka ntoni kwezi ntshukumo zabantu abathi bamele inkolo yesiNtu.

Ndingoneli nje ukuphelela apho ndichaze ubume bale nkolo khona ukuze nabanina obukeleyo akwazi ukuzahlulela phakathi kwaba athetha ngabo okaMakuliwe kwanabo bazakuzela le nkolo ngokwenene! Ekugqibeleni ke ndinyathele kulo mba womngcwabo wesiNtu ebethetha ngawo

Kunemibutho yamatshantliziyo ale nkolo nesele ingapha kwamashumi amabini eminyaka ikho, le mibutho ayiqhubi nkolo yesiNtu, koko izakuzela ubunganga bale nkolo nanjengoko kusaqhubekeka ukuba iphathwe okwesizananina kwilizwe edalelwe kulo. Yona inkolo kaNtu yinkolo ezinze emakhaya ngokupheleleyo.

La matshantliziyo afumaneka kuzo zonke iindawo ezinabantu, kuquka iidolophu, iilali neefama. Ubukho bale mibutho buphenjelelwe zinkqubo zabasemagunyeni ezikhetha iphela emasini ngokuphathelele kwimiba yenkolo, kwanangabantu nje, ngokusoloko benyhukulana bethukana nenkolo yesiNtu naphina naninina befumana ithuba lokuthetha nabantu, oko ungakuphawula emingcwabeni yamagqobhoka, ungade ucinge kungcwatywa isiko- kaloku bayeka le kudityanwe ngayo suka bakhwele bezehlela kumasiko nezithethe zesiNtu.

UMqaqosiseko womMzantsi Afrika, kwisahluko sesibini kumhlathi we 15, 30 nama 31, uphelisa ugonyamelo nokunyhukulwa kwenkolo yabathile ngabakwenye. Ke ngoku umgaqosiseko sesona sixhobo sifanelekileyo ukuphelisa olu gonyamelo. Ayinakungena kamnandi le nto nakubanina okonwabelayo ukusengela phantsi inkolo zabanye abantu, kuba imqhubela emaplangeni!

Eneneni intle into yokuba abantu abazizifundiswa zesikolo bangene kule nkolo, khona kuzokuphela ela bala belibekwa kuyo ngelithi, “Yinkolo yabantu abangafundanga, nabasemva kwimpucuko”. Nto leyo ebangela ukuba abanye abantu bayitshikilele kuba bengafuni ukubonwa njengabantu abatsala emva ngokwemfundo nempucuko.

Xa la matshantliziyo eyichaza le nkolo, icaca gca ukuba abanyekanga zikhundla namawonga, bayitsho ngeyabo imilomo ukuba izinze emakhaya- amabandla ayo ngamakhaya abo (ziziduko)!

Ubani akazibandakanyi nayo koko uyadalelwa kuyo. Iinkokheli zayo ziintlabi, iingcibi, abazalisikazi, iiKumkani, iiNkosi, amaGqirha, njalo-njalo. Abefundisi bayo zingwevu nengwevukazi zekhaya ngalinye.

Noko ukuba ebenyeke amawonga la matshantliziyo ebeya kumisela wona njengeenkokeli nabefundisi bale nkolo, angabakhombi emakhayeni abo!

Enye into endinokuyibalula kubo kukuba abafuni kwanzuzo eza kubo efana neminikelo kuba esenza lo msebenzi, ngelithi abantu mabanikele emakhayeni abo. Ivele icace nje ukuba wona angabaphembeleli bokuqhutywa kwale nkolo emakhaya.

Kwakuleyo yokuphembelela bayichaza icace gca ukuba, le yindima yobukhosi kodwa ke kuba ubukhosi bubuye umva baza kube beyiqhuba lo mzuzu de buthathele kubo uxanduva lokuqinisekisa ukuba izizwe zabo zichankcatha phezu kwamasiko nezithethe zazo.

Oko kutsho kundikhumbuze uNkosi uLucangwana kwibali elithi, “Ityala lamawele”, apho abuzayo ukuba wawukhuziwe na umzi kaVuyisile emva kwesehlo sokubhubha kwakhe. Kungoko ke la matshantliziyo ndinokuwachaza njengemihlangala ebambele iinyhwagi, neseza kudeda zakubuyela esiNtwini!!

Ayindisithelanga nam ukuba bakho ngokwenene oozungul’ichele abazakuzela ukuyijika le nkolo ibe kumila kufana neecawe, kodwa nanjengoko besele nditshilo, ukubonakala kwenkonjane enye akuthethi ukuthwasa kwehlobo! Iya kuba yintswelabulungisa ukupeyinta wonke umntu omele le nkolo ngebhrashi enye, kaloku neecawe khange zibekwe bala zonke ngenxa yemingqandandana yabefundisi ebebebanga ukubanamandla okuvusa abafileyo, ukutyisa abantu iinyoka, iimpuku nengca, baqwela ngokubaseza namafutha ezithuthi!

Loo mingqandandana uyiva ngokulinganisa (kopa) zonke iinkqubo zecawe, ze kutshintshwe nje amagama athile, kusetyenziswe * ”Camagu” endaweni ka “Amen”. Bona ke bayayikhupha mpela le nkolo emakhaya kangangokuba bazimisela oosinga mabandla abo, ubeve besithi bayangcwaba, bayatshatisa, njalo-njalo, kanti ngokwesiNtu le yimisebenzi yamakhaya ngokupheleleyo.

Kukho amathuba apho bezenzela oosinga bhayibhile, uve befunda incwadi ethile kwezi zesiXhosa ngelithi babeka ilizwi. Ze bamana benikana amathuba besithi “bayangqina” bengayifihli ke phofu ukuba nabo fanele babenayo yonke into enayo icawe!

Ukanti esiNtwini ilizwi libekwa ngomnye wootata bekhaya xa ethetha echazela abantu ngomcimbi osekhayeni, ze kuphakame abantu bokuhlala balibulele balingqine!

Aba bantu baqwele ngokunikana izikhundla namawonga angenantsingiselo kule bathi bamele yona, ubeve bebizana, “iinjoli, njoli enkulu”, njalo-njalo – xa bezithethelela ezi zinto bathi kwezinye iinkolo kukho abefundisi, bhishopu, Imam, Sheik, Rabbi, njalo-njalo! Ezo zimbo zingqina le ithethwa ngokaMakuliwe malunga nokulambatha kolwazi lwabo ngentlalo nenkolo kaNtu lo gama bebhukuxe lulwazi lwezi nkolo zafika ngenqanawe kweli loomawomkhulu!

Kucaca gca ukuba bona bazama ukusunduza icawe, khona ukuze kungene bona ze benze yonke ke le yenziwa zicawe- kodwa ke bona beyenza egameni lesiNtu! Ngamanye amaxesha ubeva besithi bafundisa ze banikezele ngeziqinisekiso (certificates) zobunkokheli benkolo yesiNtu!

Uve uzibuza ukuba ngumdlalo weqonga wantoni lo wenziwayo, ngoba iinkokheli zale nkolo zikho emakhaya, kwaye azidingi ziqinisekiso zephepha! Khona lo uzikhuphayo yena ebeqinisekiswe ngubani! Babe abantu bayo beyithethelela ngelithi icawe inazo!!

Mandibuye ngezi zinto ebezikhankanya okaMakuliwe, ngelithi aba bantu bale nkolo yesiNtu abazenzi zibe zazifudulwa zisenziwa kudala:-

Ukuze icace gca le ngcaciso, ndiza kuqala ngokuthi gqabagqaba ndichaza ngenkolo kaNtu. Inkolo kaNtu, kukukholelwa kubukho boMdali wezinto zonke ezikhoyo, ezazikho, neziseza kubakho, lo Mdali ukwimo yoMoya onomandla angangummangaliso. Kukukholelwa ukuba xa ubani esifa, ayisosiphelo eso, koko kukuguqukela/ ukungena kwimo yokuphila ngokomoya ngokupheleleyo, ukuba sisinyanya.

Kuba ubani ephila kule mo yomoya uye asondele ngokupheleleyo kwimo yoMdali, nto leyo embangela abenamandla angummangaliso.

Kukukholelwa kukuba le mimoya yaba bantu ihlala ngokwamakhaya nakule mo yomoya. Kukukholelwa kubunye bamakhaya nanjengamabandla ale nkolo. Inkolo kaNtu ithi iphinyiselwe ngolwimi, inkcubeko (equka amasiko nezithethe) nemontlalo yemihla ngemihla. Kukukholelwa kwilizwi elinyulu nelinyanisekileyo njengesiko (utywala besiNtu nezilwanyana ezixhelwayo yiminikelo nje). Amasiko nezithethe zizixhobo zokucengana (ukuthandaza) nokubulela kwizinyanya.

Eyanisweni inkolo yesiNtu asilothala lokugcina izinto zakudala (museum) – koko isekelwe kwimontlalo yesiNtu. Uninzi lwabantu luye lucinge xa kuthethwa ngenkolo kaNtu kuthethwa ukuphila ngeendlela zakudala (imontlalo yamandulo) olwa hlobo babephila ngalo oomakhulu, mhlawumbi balahlwa yintetha ethi makubuyelwe eMbo. Nokuba bebenqwena imontlalo ayisayivumeli lonto! Nayo ke le nkolo nanjengoko isekelwe kwimontlalo, ukuphinyiselwa kwayo kutshintsha nokutshintsha kwemontlalo, ndiza kunika nje imizekelo embalwa:

* Ukuhluthwa kwamagunya kwiiKumkani neeNkosi (kubangele zilutyeshele uxanduva lwazo lokuphembelela inkolo yesiNtu, ezinye zithe zazibandakanya nezinye iinkolo).

* Ukungabi nazinkomo koninzi lwabantu abamnyama kwanokuqelelena kakhulu kwabantu abendiselanayo. (kwadala kwamkeleka kokusetyenziswa kwemali njengelobola)

* Ukuphangela/ ukuqeshwa kwabantu abantsundu (kwadala ukuba ootata bangabikho phakathi kwekhaya ixesha elide)

* Ukungena nokwamkeleka kwemfundo yesikolo kubantu abamnyama (yatshintsha imontlalo kwiinkalo eziliqela).

* Ukufudukela nokuhlala ezidolophini ngokupheleleyo kwabantu abamnyama. (kwatshintsha imontlalo yabo).

* Ukungcwaba kumangcwaba kawonke wonke. (kwaphelisa ukungcwaba emaxhantini)

* Ukungena kwengqobhoko emakhayeni (kwawahlula phakathi amakhaya, kukhulisa uxinizelelo kwabo basabambelele kwisiNtu).Le yimbinana nje yemizekelo yokutshintsha kwemontlalo ebenefuthe ekuphinyiselweni kwenkolo kaNtu, okubalulekileyo kukuba basekho abo babambeleleyo kwinkolo yesiNtu nokuba iindlela zokuyiphimisela zahlukile kwezo zamhlamnene.

Imontlalo iyafuthelana ke neyezizwe abahlalelene nazo abantu, kubenjalo phakathi kwezizwe ezimnyama zizodwa. Ukanti uninzi lwezi zinto zemontlalo yabelungu zangena ngokunyanzeliswa ke zona nanjengoko imontlalo nenkolo yesiNtu yasengelwa phantsi umhla nezolo nanjengokuba sisazi leyo yayiyinkqubo yorhulumente wengcinezelo. Lulwimi etywaleni into ethi inkolo yesiNtu ilwisana nayo yonke into eze nomlungu.

Iya zamkela ezo zincedisana nemontlalo, umzekelo: imfundo yezikolo, unyango lwempilo, ubuchwepheshe, njalo-njalo- kodwa ke ekutshoyo kukuba mazingasetyenziswa ukusengela phantsi imontlalo nenkolo yesiNtu.

Ukanti ezo zichitha “ubuntu” ayizamkeli kwaphela, umzekelo: inyembezi zikaviktoliya (kuquka ubukho nokusetyenziswa kwazo emasikweni esiNtu), uqhawulomitshato, ukuchithachithwa kwamakhaya, ukuba nomlingane wesini esinye, njalo njalo.

Ukukhwaza entabeni: Kaloku abantu abahlali zintabeni, kuza kukhwazwa ezintabeni kukhwaza bani? Mhlawumbi umntakwethu usithelwe sisizathu sokuba kwakutheni kukhwazwe ezintabeni xa kubhubhe umntu!, masele ndimnceda ke. Ngalo maxesha kwakugunye ulawulo nomthetho wesiNtu phantsi kobukhosi, njengenxenye yenzila bekuthi kwakubhubha umntu kubikelwe ukuhlala khona ukuze zikhululwe iinkabi ebezisendimeni, nabebephethe amagama besemasimini bawalahle phaya uphunyuzwe umhlaba.

Kule mihla ngubani onokuyenza lo nto? Kutshanje kukhothame iKumkani yamaXhosa, ze ikomkhulu lacela isizwe sizile ngokuthi singenzi migidi namitshato, suka isizwe salitshikilela ikomkhulu ngelithi, alifakanga nepeni emdaka kule micimbi, soze beve ngalo. Ke ngoku xa la matshantliziyo xa ekhwaza entabeni, iza kube iyintoni injongosenzo?

Kaloku masikhumbule apha akwenziwa mdlalo wokulinganisa (mdlalo weqonga). Ukuhlala kwizindlu nokutya ukutya kwesilungu: lo umba besele ndiwuchaphazele xa bendithetha ngokutshintsha kwemontlalo. Ndaqwela ngelithi apha sithetha ngenkolo hayi ithala lokugcina libonise ngezinto zakudala (museum). Zonke iinkolo zitshintsha nokutshintsha kwemontlalo, nanjengoko naye kule akuyo okaMakuliwe bengasanxibi zimbadada baqabele amaesile, babathandele ngamalaphu kuphela abantu ababhubhileyo.

Xa iyonke lo nto ayithethi ukuba bayilahlile inkolo yabo. Ke ngoko kutheni ubani xa kusiziwa kule yesiNtu afune kuphilwe imontlalo yeminyaka engapha kwamakhulu amathathu eminyaka eyadlulayo? Ukuya koogqirha besilungu: ukuba iimeko bezivuma bendakumtyhilela ngendlela eyayingcono ngayo imo yempilo bengekabikho aba gqirha besilungu, ngelo xesha yayibangumnqa into yokugula kubhubhe abantu abaselula, inkoliso yabantu yayibhubha ngenxa yengugo. Besele nditshilo ukuba ezincedisana noluntu bayazamkela eziluchithayo bazinyhashe, injalo ke nalapho!

Kwizigulo neemeko ezixheshayo (emergency) baya koogqirha besilungu, nanjengoko bengoophopho kuzo. Ukanti kwizigulo nezifo ezingoononca (chronic illnesses), unyango lwesiNtu alunantanga- nto leyo ebangela bakhuthaze ukusetyenziswa kwezi ndidi zombini ngoba ekugqibeleni, zinendima zazo zombini!

Ukusa izidumbu emikhenkceni: into yokugcinwa komzimba womntu ongasekhoyo yenye yeemeko inkolo kaNtu engayikhuthaziyo, ukuba bekusiya ngokwayo umntu ngengcwatywa kwangaloo mini okanye ngosuku olulandelayo. Athi nokuba usiwe emkhenkceni ibe lusuku olunye! Ngamanye amaphulo amatshantliziyo enkolo kaNtu awaqhubayo ukukhuthaza abantu ukuba bangcwabe kwangoko. Masikhumbule amakhaya abantu abantsundu azintsalu, abanye bakwisiNtu abanye ngamagqobhoka nto leyo ebangela kungabilula ukwenza ngokwesiNtu. Kona kona isiNtu asikhuthazi ukulindwa kwabasezimpangelweni nanjengoko kunenkqubo yokubeka ilitye ethi ibanike ithuba lokuvalelisa. Kwaye nanjengoko sikhuthaza umngcwabo ongenankcitho akunasizathu samali esingabamba ukuba kungangcwatywa.

Urhulumente naye unayo indima yokukhuthaza ukungcwatywa kade kwabantu benkolo yesiNtu nanjengoko abantu ababhubhe ngeemeko ezingezozendalo kufuneka beqhaqhiwe. Le nkonzo ifumaneka kanye evekini kubantu abantsundu, kunyanzeleke umzimba uyokulinda emkhenkceni, esi sesinye sezizathu esibenomthelela ekusekweni kwemibutho yamatshantliziyo enkolo kaNtu.

Ukusasaza imicimbi yenkolo yesiNtu koonomathotholo, oomabonakude namaphephandaba: kaloku la majelo enza kubelula ukufikelela kubantu abaninzi ngaxeshanye, nanjengoko besenditshilo ukuba la matshantliziyo awabizi mali mntwini, lo nto ke inceda nasekucutheni iindleko athi angene kuzo ekuphembeleleni ukuphilwa kwale nkolo luluntu.

Kwaye ikwangala majelo akwasetyenziswa zezinye iinkolo ekusengeleni le yesiNtu, nto leyo ibangela abeliqonga elililo ukuvundlisa uluntu olusengelwa emathatheni.

Ukuthanda amawonga nokuzigwagwisa: nanjengamntu ozilandelayo iinkqubo zala matshantliziyo andikhe ndiphawule kuzigwagwisa ngokwazi konke, sele ecacisa ngesiko abuye alikhombe kumabhunga amakhaya uluntu! Angayaziyo into ayatsho athi awayazi.

Luluntu ke oluthi lubanike intlonipho ngenxa yolwazi abathi beze nalo, kwaye lubonakalisa ukubathemba ngokuthi luthi gqolo lubemba olu lwazana banalo!

Ukungabinantlonipho nambeko: Andikayiphawuli ke le noko, kodwa ke endikuphawulayo abantu abadla ngokwenza iintetho ngootata noomama bemizi, endingazi ukuba ootata noomama bemizi bangabantwana?

Kwaye ke andike ndive bethuka mntu. Endibazi ngayo kukunqwanqwada abantwana ukuba bahloniphe abantu abakhulu. Kangangokuba ndikhe ndibeve besenza isimbonono ngorhulumente othabatha amagunya abazali ekuqeqesheni abantwana, nobuya eze nemithetho echitha amakhaya!

Ukugxeka ukusilela kwabanye abazali ukuqeqesha abantwana ayikokuthuka mntu oko, kaloku akuncedi nokudipha ezakho wedwa zibe ziza kuhlala nezingaditshwanga emadlelweni, kuba zakubuya zichole amakhalane kwakho!

Umngcwabo namaGqirha

Okukuqala mandiyichaze mhlophe ukuba ngokwesiNtu umngcwabo yinto yekhaya ngokupheleleyo, omnye nomnye eligqirha engelilo akangeni ndawo! Nam ndiwuphawule lo mkhwa wala magqirha, njengamntu osoloko enxanelwe ukwazi ndasondela ndakha umkhanyo ndaza ndaphawula oku:

* La magqirha avula iintlombe kumakhaya abhujelweyo nasemingcwabeni ngamagqirha angamagqobhoka nangeyonxalenye yamatshantliziyo enkolo yesiNtu.

* Alinganisa yonke into eyenziwa zicawe, koko wona eyenza “ngokwasesigqirheni” ngabula wona.

* Elo xesha abe ethwele izidlokolo, ephethe amatshoba, egaxele iintsimbi zawo zobugqirha, ze aqwele ngokubeka ezi zomfi/ mfikazi phezu kwebhokisi.

* Awapheleli nje apho ade afune ze asele ibranti kweli khaya libhujelweyo, aqwele ngokufuna ibhokhwe yokuzihlamba, phofu ezihlambela kwakweli khaya.

* Njengamntu odla ngokuzimasa imvuselelo zamasiko nezithethe zenkolo yesiNtu eziququzelelwa ngamatshantliziyo ayo, ndaphawula ukuba nabo banengxaki ngokuziphatha kwala magqirha kwaye baceba ukufakana nawo imilomo, ngelizama ukuwaqhiwula kulo mkhwa!!

Nanjengomntu ophande nzulu malunga neemeko zokufa nemingcwabo yesiNtu, amasiko nezithethe ezihamba nokufa esintwini, ndivumelana ngokupheleleyo nalo kaMakuliwe ukuba esiNtwini umngcwabo yinto yekhaya ngokupheleleyo. Nto leyo ithi umngcwabo ukhokelwa ngabantu abangootata bekhaya elo, ngokungaphandle kowemveku wona uqhutywa ngoomama. Liyinene elithi akombelwa (akuvunywa) xa kubhujiwe okanye emngcwabeni kuba esiNtwini ayikho ingoma yokufa.

Kwaye xa kubhujiwe kuyaguxwa (akuhonjwa), le ke yokugaxela iintsimbi ayisosiNtu kwanayo. Abantu bokuhlala bebesiza emngcwabeni ngokuza kunika inkxaso kwikhaya elo libhujelweyo. Kona phakathi kwamazwi athi abhekiswe kumfi lowo likhaya lakhe limbiza ngegama neziduko zakubo ibibangawokuvalelisa nanjengoko likholelwa ukuba uya kwelemimoya. Lawo ke afana nathi Hamba kakuhle mthile, usikhonzele apho uya khona” ngamanye amathuba ebede aphathiswe nemiyalezo efana nethi, “Ubuze oobani ukuba bayekela ntoni ukusivelela”, “Uxelele oobani ukuba siyalamba apha”, njalo-njalo.

Olu luluvo lwam ndinguDlomo, andilolungu lawo nawuphina umbutho wenkolo, koko ndilitshantliziyo eliziphilela isiNtu kwibandla lakuthi amaTshatshu. Chosi!!