‘Phuma emtshatweni, sukude uzibulale!’

UPinky Gqeba wePinkyG Talks nongowaseMngazana eNgqeleni

“Phambi kokuba ugxeke okanye ubone into engalunganga kumtshato womnye umntu okanye ubudlelwane bomnye umntu, qala ungene nawe wandule uthethe ke ngoku kuba izinto esigaxeleka kuzo thina sele singaphakathi emtshatweni awuzazi kwaye zingenokufana.” Lowo nguPinky Gqeba, 32, waseMngazana eNgqeleni wePinkyG Talks ejongene namaxhoba ahlaselwe luxinizelelo.

Intetha kaGqeba ilandela emva kwenkosikazi yakuQumbu nengumama wabantwana abathathu abaselula ethe yazibulala kwinyanga ephelileyo kuba isoyisakala ziingxaki zomtshato wayo, eziquka kuzo ukukrexezelwa ngumyeni wayo.

UGqeba ukuze aseke umbutho iPinky Talks kungokuba naye sekhe walixhoba lokungaphatheki kakuhle emtshatweni wakhe nangona sele zalunga izinto kowakhe, ukwalilo nexhoba lokuphatheka gadalala njengoko ephantsi koluleko loxinizelelo.

Le nkosikazi izibuleleyo yashicilela umyalezo efowunini iwuthumela kumyeni wayo, apho ishwabulayo, isithi kudala inyamezele ngoku ifikelele kwisigqibo sokuzithathela umphefumlo kwaye umyeni aze onwabe nalo mntu anaye kwaye agcine abantwana babo kuba uyayazi indoda iyabathanda.

Le nkosikazi ityatyadule ke kushicilelo olo iyalela umyeni wayo ukuba aze athini.

Oku kuye kwashukumisa uluntu kumaqonga onxibelelwano, kambe abanye beyigxeka le nkosikazi ngesenzo sokuzibulala besithi ngephumile emtshatweni kunokuzibulala, bekwathi ziinyembezi kuba nayo indoda le wayithatha emntwini.

Abanye bebengamgxeki koko bemsizela, besithi isihlangu besisitya le nkosikazi kwaye mhlambi kudala inyamezele.

Inkosikazi le ingcwatywe kwiveki ephelileyo ishiya ezo ntsana zingenamama.

UGqeba uthi naye wayekwela nqanaba lokuzibulala kuxinzelelo kodwa usuku laye laba linye, waphakama wazilwela ngendlela elungileyo ngokuthi afune ingcambu yokuhlala kakubi emtshatweni wakhe nto leyo athi yaye yamsebenzela.

Uthi soze ubekhona umtshato othe ncam, iingxaki zihlala zikhona ebantwini ababini ingakumbi bengazalwa kunye, uthi zibakho sele bezalwa bobabini abantu kungoko fanele ulindele.

Ucebise amakhosikazi esithi mawathethe kuqala namaqabane abo, awahlalise phantsi kwaye athethe ngohlobo aziva ngalo angaqumbi kuba ukuqumba kugxotha mpela iqabane lakho.

Uthi xa ubona ukuba izinto azilungi bakhona abantu abadala basemzini, xa ingalungi zama ukuphuma ungade uthathe umphefumlo wakho.

Uthi abantu abaninzi baye banyamezele emitshatweni bexhaphazeka kuba besoyika ukuba abantu baza kuthi ubuya emzini, bambize ngamagama.

“Kungcono bathethe kunokuba ude ubhubhe kuba iza kudlula nayo. Xa unengxaki kumtshato funa uncedo,” uvale ngelo uGqeba.