UMhango wonzakalise iSundowns ephose intaphane yamathuba emdlalweni

Gabadinho Mhango of Orlando Pirates during Absa Premiership match between Orlando Pirates and Black Leopards on 15 January 2020 at Orlando Stadium, Pic BackpagePix

Ikhalela amathuba
engawasebenzisanga kakuhle iMamelodi Sundowns emva kokubethwa yi-Orlando
Pirates ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni we-Absa Premiership obutaka
iintlantsi e-Orlando Stadium namhlanje. Amasandawana onzakaliswe nguGabadinho
Mhango igowuli lakhe leshumi elinanye kule sizini emdlalweni obalulekileyo kobu
busuku. Ngaphandle kwamathandabuzo, ukuba iSundowns ibikwazile ukuwasebenzisa
amathuba ewafumeneyo kwisiqingatha somdlalo, ngekuthethuba iphumelele nokuba
kungamagowuli amathathu. Kwimizuzu emihlanu yokuqala emdlalweni, kuye
kwanyanzeleka abadlali bePirates banqade amanzi engen’endlini; iDowns ibifuna
intw’ibilapha. Izinto zijikile emzuzwini weshumi elinanye ngethuba uMhango ebhakuzelisa
umnatha emva kokudlalelwa ibhola entle nguLuvuyo Memela. USibusiso Vilakazi
noGaston Sirino bebeyixakekisile iPirates emva noxa ibingayekanga ukulwa.

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla iBucs iphala phambili ngegowuli elinye. Izamile kwakhona iDowns –
kodwa iibhola zayo zibethe ezipalini. UHappy Jele noNtsikelelo Nyauza bakwazile
ukumvimba amathuba uVilakazi obencediswa nguSirino phambili namhlanje. Noxa
ebeyingozi uSirino xa efumene ithuba lokudlala – kodwa ebedlalela kude
kwiindawo eziyingozi ngamanye amaxesha. Kokokuqala iSundowns ibethwa yiPirates
ebaleni layo (Orlando Stadium) ukusukela oko iqela lasePitoli lathi
lasezandleni zikaPitso Mosimane. Uyivumile kekambe induku uPitso ekhwina enjalo
– kodwa watsho esithi iqela lakhe lenze yonke into ebilindelekile. Amanqaku amathathu
ayibeka kwindawo yesihlanu iPirates. Ukubethwa kweSundowns konwabise kakhulu
abalandeli beKaizer Chiefs kuba iqela labo liyishiya ngamanqaku alithoba ngoku
kwiPSL. Komnye umdlalo, iBidvest Wits ibethe iBloemfontein Celtic ngo’3-2
emdlalweni obuseBidvest Stadium.

  

Pirates:
Sandilands,  Maela, Jele, Nyauza, Pule, Motshwari, Makaringe, Mabaso,
Memela, Mhango, Lorch.

Amalalela:
Delle, Ndengane, Mntambo, Monyane, Dube, Dlamini, Mabasa.

Sundowns:
Onyango, Ngcongca, Langerman, Madisha, Lebusa, Jali, Sirino, Kekana, Vilakazi,
Morena, Mkhulise.

Amalalela:
Mweene, Arendse, Lakay, Makgalwa, Mabunda, Mahlambi, Maboe.