‘Sikhutshwe okwezinja ezindlini zethu!’

Abahlali bendawo ebizwa iDacawa eMdantsane bashiyeke belele phandle emva kokukhutshwa kumatyotyombe abo nguMasipala

Bane abantu abakhubazekileyo nabaphakathi kwamaxhoba ashiyeke engenamakhaya, elele phandle kumatyotyombe abizwa ngokuba yiDacawa kude kufuphi nakwaNU.1 eMdantsane.

Oku kulandela emva kokususwa ngokungenankathalo, ngokutsho kwabo nguMasipala oMbaxa iBuffalo City kuba usithi uzokubakhela izindlu kumhlaba abame kuwo.

Abahlali bathi bayakuvuyela ukuba bezokwakhelwa izindlu, kodwa abakukhalelayo yindlela abakhutshwe ngayo, besithi bakhutshwe okwezinja ngoMvulo.

USipho Dyantyi, 75, ongomnye wamaxhoba akhutshiweyo nohamba ngesitulo esinamavili ngenxa yenkubazeko, nelifike I’solezwe ehleli ecaleni kwetyotyombe lakhe elidiliziweyo esitya umvubo wesonka awenzelwe ngumakhelwane wakhe kuba efuna ukusela iipilisi zakhe uthe: “Ndiphelele apha njengokuba nindibona, andikwazi nokwenzani, ndixhomekeke kuloo mntu uye athi gqi andincede ngokutya. Ndilele apha phandle izolo kule ndawo ndikuyo, unyana wam nentombi yam bazama ukutsala izinki elenze ukuba ndifihleke umzimba ndinganethwa ebusuku,” utshilo uDyantyi.

UZoliswa Dyantyi, 34, oyintombi kaSipho, I’solezwe lifike ezilungiselela ityotyombe elitsha kwenye indawo. “Sele ndinqwenela ukuba utata wam kwakunye nabanye abantu abakhubazekileyo esihlala nabo apha bafumane nokuba kukwikhaya eligcina abantu abadala. Andiyazi nokuba ndiqale ngaphi, utata ulambile, umdaka, oko ebelele apha, ubuntu buphi? Bekungenokuthathwa kuphela aba bakhubazekileyo abantu babonelelwe kumakhaya agcina abantu abadala? Isebe loPhuhliso loLuntu lelokuthini kanti? Sivotela ntoni kanti?” ubuze watsho uZoliswa.

Uthi asele emxhalele kuyo yonke le nto ngutata wakhe. Uthi ngekungcono ukuba bebenikwe inyanga nokuba zintathu ukuba babe bekhangela iindawo zokuxhwarha.

Uthi kucacile ukuba kudala wayazi umasipala ukuba uzokwakha kwindawo yabo.

Abaninzi sifike besanyamezele kule ndawo bebedilizelelwa kuyo, besithi baza kuhamba xa beneempepha, benenombolo eqinisekisa ukuba baza kwakhelwa.

Omnye wabakhubazekileyo, uNosi Beauty Qamata, 74, nongenamilenze yomibini, sifike ethe ngcu phezu kwebhedi yakhe nalapho athi oko kwathwa yena eyakhe into iyahanjelwa ngamagosa kamasipala, uzokukhawuleziselwa ukwakhelwa ngenxa yemeko akuyo, nanamhlanje usalinde kwityotyombe akhutshwe kulo njengenja ngoMvulo.

UQamata uthe ulindele nantoni enokuthi yenzeke kuba akakwazi kuzenzela nto.

Umntu ongutata obeqokelela amaplanga okubethelela, iibhedi, iikhabhathi nezinye zempahla zakhe ebeziphandle nezinethileyo uthe: “Ingathi kusafana nokuba sisekula rhulumente wengcinezelo. Utshintsho alukho koko kuye kunwenwa. Yinto ephi eyokuba abantu bakhutshwe kanje? Sibadala kangaka singakhange sinikwe nathuba laneleyo lokuba sicele kwizihlobo. Hayi asoneliseki yindlela esikhutshwe ngayo,” uvale ngelo utata wetyotyombe elichithiweyo.

Abahlali bathi bayakuvuyela ukwakhelwa kodwa luhlobo olu bakhutshwa ngalo olungabonelisiyo.

Abahlali bathi baxelelwe ngoDisemba ukuba ze baphume ngomhla wesihlanu kumatyotyombe abo kuba bazokwakhelwa kule ndawo bakuyo. Bathi badla ngokuva kusithiwa abantu baye banikwe iinyanga ezintathu ekubeni bakhangele indawo kodwa kubo khange kube njalo. Izindlu ezo sele ziqalile ukwakhiwa kodwa azikagqitywa.

UCeba wakwaWadi 12, uGwebile Gosani, akakhange afumaneke ukuze ahlomle.