Ubomi bokhulelweyo othengisa ngomzimba!

USiphosethu Tunzi ungomnye wamantombazana athengisa ngomzimba angenandawo yokuhlala emveni kokuchithwa kwezindlu ebebehlala kuzo eQuigney, uzakhele ityotyombe ematyholweni nalapho athi uza kukhulisela khona usana lwakhe njengokuba elinde ukubeleka

Ekuseni udlula kwisitalato iMoore eQuigney eMonti, ivele ibe lusizi lodwa xa ubona abasetyhini abaselula abathengisa ngomzimba bemile kwiikona, kubonakala ukuba abakasi kwanto phantsi kwempumlo koko sele belinde nabani na onokufika azokuthenga, batsho bakwazi ukuthenga into etyiwayo.

Phakathi kwawo la manenekazi kukho nelikhulelweyo esele lineenyanga ezisibhozo.

I’solezwe lesiXhosa lizibonele le meko ngethuba lincokola nala mantombazana emva kokuba ekhalazele ukukhutshwa kakubi kwizindlu ezintathu ebehlala kuzo.

Intwazana yaphesheya kweNciba ithi yafika ngo2012 kulo msebenzi wokushishina ngomzimba ikunye nodade wayo emva kokubona intsokolo yakowayo.

Uthi abazali bayo babetshatile bohlukana kwashiyeka kusokolwa kowayo, yaze yeza eMonti uzokutshintsha impilo ngokuthi ithengise ngomzimba.

USiphosethu Tunzi, 26, osinike imvume yokulidiza igama lakhe, nongumama kubantwana bakhe ababini, abahlala ekhaya kumama wakhe, nalo asamkhulelweyo, uthi ngoku isisu sakhe siphezulu uyathengisa kuba kunyanzelekile ame phandle kuloo malanga nezo ngqele ukuze akwazi ukulala etyile kwaye nabo basezilalini bafumane.

Uthi kodwa ngoku akhulelweyo ubunzima uyabufumana kuba akusathengwa kakhulu, amadoda aye abe namasikizi.

“Kodwa ndiye ndibenentlahla ngamanye amaxesha ndithengwe ngulo mntu aye athi urhalela ukuva umntu okhulelweyo, nditsho ndifumane imali yokutya. Ngoku bendingekakhulelwa bendiyenza iR2000 ngosuku, ngoku iyakwazi imini iphele ndingafumenanga,” utshilo uSiphosethu.

USiphosethu uhlala ehlathini neetshomi zakhe kwakunye notata womntwana asamthweleyo. Uthi uyakhululwa ngutata womntwana ekubeni ayokuthengisa kwenzele bakwazi ukufumana ukutya. Uthi imbi imeko ahlala phantsi kwayo akayithandi kuba bayaxhaphazeka. Uthi naxa sele ebelekile uza kuhlala nosana lwakhe kweli hlathi kuba ufuna imali yokukhulisa umntwana.

Sele ehlala ehlathini nje la mantombazana kuza emva kokuba ekhutshwe ngokungenalusini kwizindlu ezintathu abehlala kuzo eMoore kwiiveki ezimbini ezidlulileyo kuba zithengwa ngumntu ezi zindlu nabadiza ukuba akakhange abanike thuba laneleyo.

Ngokutsho kukaSiphosethu, uninzi lwala mantombazana angaphaya kwamakhulu amabini ashiyeke engenandawo zokuhlala, bathi abukho lula obu bom kodwa kuba bengenayo enye indlela.

Bathi nabo amalungelo banawo futhi abantu kufanele bayazi ukuba abanye babo abekho kula ndawo ngokuthanda koko ngokuqhutywa zimeko ezingentlanga emva ekhaya.

Omnye esincokole naye nesimthiye Maria*, 23, uthe naye ukuba phaya zange angene ngokuthanda, woyiswa kukuxhatshazwa ngutata wakhe owayemane emdlwengula xa umama wakhe engekho.

“Ndandidlwengulwa ngutata wam ndiseneminyaka emithandathu kuphela. Ngokuya ndikhula xa ndimbuza ngento awandenza yona zange abonakalise kuzisola ngalo nto.”

UMaria* waseZiphunzana, nongumama kumntwana wakhe omnye, nowayenqwenela ukuba yimvumi eyaziwayo ngethuba esakhula, uthi koko kukhula nzima exhatshazwa nguyise, wabona ukuba athathe umthwalo wakhe ayokuhlalisana notata womntwana wakhe, ze akungaphatheki kakuhle kutata womntwana, wayokuthengisa ngomzimba eQuigney.

“Emva kokudlwengulwa ngutata ndaxelela umama, lavulwa ityala, wabanjwa utata. Uthe engaphakathi etrongweni, umama wamane endikhumbuza esithi sisokola nje kungenxa yakho kuba wabambisa utata wakho obenguye oza nemali endlini. Ayengekho mnandi la mazwi, kwaba kukumka kwam ekhaya,” utshilo uMaria*.

UNomsa, 24, waseNgqushwa, uthi akasenabo abazali, wadinwa kukuhla emizini egezelwa, weza eMonti ecinga uza kwimpilo engcono. Ukwathi wayecinga nokuba yinto elula ukwenza isondo yonke imihla. La mantombazana athi sele encedwa kukusebenzisa iziyobisi ukuze apholise ingqondo.

Athi ishishini lihamba nzima ngoku kuba ezi zindlu zabo bebesebenzela kuzo emini betshintshiselana. Bathi nanini na ishishini labo liyaqhuba akukho mini, akukho busuku, kungekho ntseni. Bathi apha emini kuza abantu nje kodwa ebusuku kuza ooSopolitiki nkqu nabantu abahlonitshwayo.

Amaxabiso ayashiyana, aqala kwiR50 umjikelo, ubusuku bonke ibeyiR500.

Uthi bakhe balwe ngendoda efikileyo ezokuthenga umzimba kwaye abathengi abaninzi baye bakhethe usisi ococekileyo.

“Ukuba umdaka ambalwa amathuba okuba uthengwe, kufuneka ubenempahla entle ecocekileyo neenwele ezintle kwanezihlangu ozinxibileyo zibe ntle. Amaxesha amaninzi umsebenzi siwenzela apha ehlathini emini, ingakumbi ngoku singenandlu,” utshilo uNomsa.

Bathi akukhange kuze nesebe elinye likarhulumente kubo kwanoceba lowo wabo ayokukroba kuquka noSWEAT (umbutho ojongene namalungelo abathengisa ngomzimba). Bathi kweza amapolisa kuphela ukuzokubahlangulela kodwa nawo eyekile bekhutshwa kwaye bebethwa ngaba bantu babebakhupha.

Umbutho ojongene nokulwela abathengisa ngomzimba iSex Workers Education & Advocacy Task (SWEAT) eMonti, sincokole neofisi yawo emnxebeni ngoMvulo, nalapho ithe iseza kuqala ityelele eQuigney phambi kokuba ihlomle ngalo mba kwiphephandaba. Iye yathembisa ngokubuyela kwiphephandaba nengxelo epheleleyo ngoLwesibini, I’solezwe lide lashicilela ingekabuyeli kulo.

UCeba kawadi 47 eQuigney, uVusumzi Njece, uthi imbi kwaye ayimnandanga le yabantu ababhinqileyo bangabinandawo ikhuselekileyo. Kodwa isimanga ebesiye senzeke kweza zindlu sazi bekuhlala abemi baseTanzania kungekho bantu abangoosisi.

“Into ibisenzeka ubusoloko ufika pha wonke umntu athi utyelele akangowapha, bephika. Eza zindlu zezi zaziye zatyelelwa nguMphathiswa uFikile Mbalula komnye unyaka wazivala kodwa baphinda babuyela,” utshilo uNjece.

Uthi abahlali besa sitrato bebengayithandi into eyenzeka phaya kuba abantwana abancinci bebengakhuselekanga njengoko aba baseTanzania bebethengisa neziyobisi nasemini phambi kweentsana kwaye bemosha.

abongile.ginya@inl.co.za