UHendrick Esktein ufumene iqela elitsha – kodwa akakuchasanga ukubuyela eNaturena!

Pule Ekstein of Kaizer Chiefs challenged by Diarrassouba Dauuda of Asec Mimosas during the 2016 CAF Champions League football match between Kaizer Chiefs and Asec Mimosas at the FNB Stadium in Johannesburg, South Africa on March 12, 2016 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva
kokushiya iKaizer Chiefs ekupheleni kwesizini kunyaka ophelileyo, ubomi
bukaHendrick Ekstein buqhubele phambili. Uye watyikitywa liqela laseYurophu
ekuthiwa yi-Azerbaijan emva kokuba engazange avumelane neChiefs ngemali
kwiingxoxo ngesivumelwano sengqesho esitsha. Ekuqaleni kwale veki, uEksten (29)
utyikitywe yiSabali FK – elinye iqela azifumanele lona eYurophu ngeli thuba
lokuthengwa kwabadlali elivulwe ekuqaleni kwalo nyaka. Nangona kunjalo, uEksten
uxelele iKickOff.com okokuba angabuyela kwiChiefs ukuba iyamfuna. Le ndedeba
yemka kwiChiefs xa kanye umdlalo wayo ufunquka phantsi kuka-Ernst Middendorp
owamenza elinye lamaxhadi wakhe emva kokuthatha iintambo ekuqaleni kuka-2019.

“Andinangxaki
nokubuyela kwiChiefs. Ngeke ndikwazi kodwa ngoku ngoba ndifuna ukudlala apha
eYurophu. Mna nabadlali beChiefs sakuhlala singabahlobo. Andizami ukuthi ikhona
into esasisilwa ngayo. Hayi, andinayo ingxaki neChiefs. Yiyo lo nto phambi
kokuhamba kwam eNaturena, ndaya kusihlalo (Kaizer Motaung) endafika engekho.
Andizange ndalwa neqela,” utshilo u-Ekstein kwiKickOff. Ukungavani kwakhe
neChiefs kwamphosanisa nokudlala emdlalweni weNedbank eyabethwa kuwo iChiefs
ngo’1-0 yiTS Galaxy edlala kwiGladAfrica League. “Yayiliphupha lam ukudlala
umdlalo kwiNedbank Cup. Emva kwezinto ezenzekayo, ndandingakhathali ngoba eyona
nto endandiyifuna yayikukudlala kula mdlalo,” utshilo uEkstein.

Bekulindeleke
uEkstein ahlale iminyaka emibini kwiqela alishiyileyo – kodwa uthi uye wahamba
emva kokuxelelwa okokuba akanayo indawo ngumqeqeshi. “Kuye kwafika umqeqeshi
omtsha. Ndidlale imizuzu embalwa emidlalweni emithathu emva koko umqeqeshi
akandisebenzisa. Usihlalo weqela wandibiza wandixelela okokuba umqeqeshi
akazundisebenzisa. Ndamxelela okokuba ngeke mna ndihlale ndingadlali. Ndathi
kungcono siqhawulwe isivumelwano sam sengqosho ngoba andikwazi ukuhlala nje
ndiphilile,” utshilo uEkstein.