Emva kokubethwa
yi-Orlando Pirates ngegowuli elinye phakathi evekini, iMamelodi Sundowns
izibethele iSuperSport United ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni we-Absa
Premiership obukwalidabi lasePitoli obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngale
njikalanga yanamhlanje. Ukuphumelela kweDowns kuyigcina kwindawo yesibini –
kodwa umsantsa wamanqaku ucuthekile phakathi kwayo neKaizer Chiefs ebambene
ngegowuli elinye (1-1) neBlack Leopards emalanga izolo. Ibhakuzelise umnatha
emzuzwini weshumi elinanye kwisiqingatha sokuqala iSundowns ngebhola kaThemba
Zwane. Iphendule iSuperSport ngepenela efakwe nguDean Furman emva kokuba
abadlali beSundowns bewise uKudakwashe Mahachi emhlabeni kanozinti.
Umdlalo ubulawulwa
yiSundowns nakubeni iSuperSport ibinamaxesha wayo wokuhlasela. Emzuzwini wamashumi
amathandathu anesihlanu, uThapelo Morena ufake igowuli elihle lesibini leDowns
emva kokufumana ibhola ebisuka kuHlompho Kekana. Akukho nto ingako eyenziwe
yiSuperSport ngaphandle kuka-Evans Rusike obethande ukuba yinkathazo nangona ebedlalela
kude naye emhlabeni obalulekileyo. UThamsanqa Gabuza noBradley Grobler khange
banikwe thuba lokufaka amagowuli ngabadlali beDowns emva. Kweminye imidlalo
yanamhlanje, iChippa United ibambene neBloemfontein Celtic ngegowuli elinye
macala (1-1) emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay
Stadium emalanga namhlanje. Yona iGolden Arrows ibambene
ngo’1-1.
SuperSport: Williams, Bhasera, Daniels,
Kekana, Fleurs, Nhlapo, Mahachi, Furman, Mbule, Rusike, Grobler.
Amalalela:
Pule, Ditlhokwe, Donn, Waiswa, Lungu, Qalinge, Gabuza.
Sundowns:
Onyango, Ngcongca, Langerman, Madisha, Lebusa, Jali, Kekana, Zwane, Sirino,
Vilakazi, Morena.
Amalalela:
Mweene, Nascimento, Mkhulise, Maboe, Mahlambi, Mabunda, Meza.
‘MayingabingooNopopi ooCeba, mabasebenze ekuhlaleni njengoko bonyulelwe oko’