Kubhiyozelwe usuku lokufunda!

Iphulo leWorld Read Aloud Day leNal ibali eRawutini

NgoLwesibini, umhla wesine kweyoMdumba, bekubanjwe izikhumbuzo zoSuku lokuFunda ngokuVakalayo phantsi komxholo othi “ukukwazi ukufunda nokubhala ayiloyolo; lilungelo kunye noxanduva” kwihlabathi lonke kuquka nalapha eMzantsi Afrika.

Ngeli xa imfundo isenokuba sesona sixhobo simandla, ukufundela ngaphandle kunye nokubalisa amabali ziziseko zokwakha ezidibeneyo nokufunda.

Yiloo nto kwamiselwa iNal’ibali, ukhankaso lukazwelonke lokufundela ukuzonwabisa, eyilelwa ukuchukumisa ukuthembisa ukuba nesiphiwo kwabantwana ngokubaliselwa amabali nokufunda.

Kula minyaka yokuqala isixhenxe, iNal’ibali iye yeza nebali elikhethekileyo ebantwaneni ukuze babhiyozele uSuku lokuFunda ngokuVakalayo (WRAD) .

Kunyaka wokuqala (ngo2013), olu khankaso lwafikelela kubantwana abangama13 000, ngeli xa ibali lalo nyaka udlulileyo lifundelwe abantwana aba-1 559 730 ngosuku olunye.

Minyaka le, iNal’ibali ibhiyozela iWRAD ukuze itsale ingqalelo yokubaluleka kokufundela abantwana ngolwimi lwabo lwenkobe. Le NGO iyalela ukubhalwa kwebali elitsha kraca – elilelona lifanele ukufundelwa abantwana besikolo samabanga aphantsi lize liguqulelwe kuzo zoli11 iilwimi zeli ezisesikweni.

Lo mbutho ubongoza abazali, ootitshala kunye nabagcini babantwana ukuba bangenele lo mbutho ekufundeleni abantwana abasebomini babo, ngalo mhla umnye.

Kutheni kufuneka kufundelwe ngaphandle? INal’ibali yakhelwe kwingcamango elula yokuba isithethe esimiselwe kakuhle sokufunda singayeyona nto yenza iinguqu zokwenene kwimfundo apha eMzantsi Afrika.

Izakhono zokufunda nokubhala yindlela emandla yokuqikelela ukuphumelela esikolweni kwixesha elizayo kuzo zonke izifundo. Abantwana abafunda rhoqo nabamamela amabali acingisayo, ngeelwimi abazivayo, baxhotyiswa ngokufaneleyo kwaye bayakhuthazeka ukuba bafunde ukufunda nokubhala.

Ibali elitsha lalo nyaka, Usuku lokuKhunjulwa, labhalwa ngumbhali owaziwa kakhulu walapha ekhaya noyingcali yezokufunda nokubhala, uLerato Trok. UTrok walibhala eli bali ngeSetswana, ulwimi lwakhe lwenkobe, emva koko laguqulelwa esiNgesini nakuzo zonke iilwimi ezisesikweni.

“Indinika umnqa into yokuba xa ndiyalelwe ukuba ndibhale ibali, ngaphandle kwamathandabuzo ulwimi lokubhala endivele ndiye kulo sisiNgesi. Kodwa ke, eli ibali livele lazenzekela ndakube ndigqibe kwelokuba ndilibhale ngeSetswana. Iye yandifikela indlela esiwathatha lula ngayo amandla olwimi olulolwakho!” utsho uTrok.

Kwaye, kuninzi okunokuzuzwa ngabantwana ekuqondeni nzulu ulwimi lwabo lwenkobe. Umzekelo, uninzi lwezinto ezifundiswa abantwana kwiminyaka yabo yokuqala, lufundiswa ngomlomo.

Ukukwazi ukuphawula nokuqonda ingqokelela embaxa yamagama kunceda abantwana bafunde baze baphumelele eklasini.

Kananjalo kubonelela ngesiseko esilungileyo abanokuqalisa kuso ukufunda ulwimi lwesibini, olufana nesiNgesi.

Ukwaleka, ukufundela ngaphandle kunezi nzuzo zilandelayo: Kuvumela abantwana bafumanise ukufunda njengomsetyenzana owanelisayo nonentsingiselo. Kuyabakhuthaza bafunde ukuzifundela kwaye baqhubeke nokufunda.

Kubabonisa indlela esifunda ngayo nendlela iincwadi ezisebenza ngayo; Kubavumela bonwabele amabali angaphaya kwamandla abanawo okufunda; kuphuhlisa iliso labo lengqondo, ulwazi lwamagama kunye nezakhono zeelwimi

Ukwenza olu usuku lokukhunjulwa ukubhiyozela iWRAD, umcimbi okhethekileyo wokufunda ngqo uqhutywe ngunozakuzaku walo nyaka, uManaka Ranaka, obelawula umsitho obubanjelwe e-Es’kia Mphahlele Community Library ePitoli.

URanaka, waziwa ngokudlala indawo kaLucy Diale kumdlalo wedrama weSABC, uGenerations, ubonise inkxaso yakhe yokubaluleka kokukwazi ukufunda nokubhala ngokufundela abantwana abangama400 abavela ePretoria naseSunnyside Primary Schools.

UTrok naye ubekho waze waxoxa ngokubaluleka kolwimi lwenkobe kunye namandla walo. Eminye imisetyenzana ngaphandle kwephulo lokufundela abantwana abazizigidi ezibini kwiWRAD, kukho neminye imicimbi ecwangcisiweyo, nequka: Ukuthatha uhambo loluntu kwizitalato zoluntu olwahlukileyo kumaphondo amathandathu ukuze kwandiswe ukwaziwa kwalo mhla.

Kuya kunikezelwa ngamakhadi ebali kuze kucelwe amalungu okuhlala ukuba enze isifungo sokufunda. Oku kuya kwenzeka kule veki iqala ngoMvulo, wama20 kuJanyuwari. Iphulo lokufunga koluntu kwiimoli zasekuhlaleni nakumaziko eendawo zokuthenga ukukhuthaza ukuthatha inxaxheba.

Iiseshoni zokufundela ngaphandle ngamaKhankatha okuFunda nokuBhala eNal’ibali ezikolweni, kwiilayibhri okanye kwezinye iziza zamaqabane eNal’ibali ngalo mhla.

Bakwacela wonke umntu ukuba aye kubantu anxibelelene nabo aze akhuthaze nabanye ukuba babeyinxalenye yesisombululo sokufunda nokubhala ngokufungela ukufundela ngaphandle ku-www.nalibali.org/wrad.