Amazwi ovelwano emva komfundi ozibuleleyo!

Ngethuba amapolisa, isebe loPhuhliso bekwisikolo iSixishe High kwaKomani beyokunika inkxaso kubafundi emva kokuba umfundi omnye ethe wazixhoma UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Emva kweendaba ezibuhlungu zenkwenkwe eneshumi elinesithandathu leminyaka ethe yazibulala yakuKomani, amapolisa aseZibeleni kula mmandla athe angungelana kwisikolo sale nkwenkwe iSixishe High eyokuthuthuzela eyokunika nethemba abafundi besi sikolo.

Lo mfundi nelingekapapashwa igama lakhe njengoko kusekutsha, ubhaqwe ngudade wabo ngoMvulo ejinga phezulu kwaye sele ebhubhile.

Oyinkumanda eZibeleni uNjengele Funeka Siganga ekunye noogxa bakhe esipoliseni kwakunye namagosa aphuma kwisebe Phuhliso loLuntu, bathe banika amazwi ovelwano nawokomeleza abafundi kwakunye nootitshala.

Kule ndibano kwesi sikolo bekukho nabazali apho bathe babongozwa ekubeni bathethe nabantwana babo kwaye babazi nalapho kungathi kubelula ukumqaphela umntwana xa enengxaki.

USiganga kwintetha yakhe uyivesile eyokuba kuza kubakho iinkqubo eziza kuqhutywa ngamapolisa, isebe loPhuhliso kwakunye nelezeMfundo neza kube iyindlela yokuncedisa abafundi bajongane nezifundo kwaye bahambele kude kwizenzo zolwaphulomthetho.

Nabo abazali babe nalo unxibelelwano okanye ubudlelwane nootitshala.