Zikhusele ngeKhondom kule Valentines!

Sebenzisa ikhondom kule veki ukuze ukhuselekeumfanekiso: Bongani Shilubane/African News Agency(ANA)

Yiyunivesithi yaseRhodes kuphela kweli phondo leMpuma Koloni eza kube ibambe umsitho obizwa ngokuba yi-International Condom Day namhlanje.

Lo msitho ubanjwa kanye phambi kosuku olukhulu ingakumbi kwabo bathandanayo olwaziwa ngokuba yiValentine’s Day.

Ngokokutsho kwabakwaAids Health Care Foundation, injongo kukuxhobisa uluntu ekubeni ze luzikhusele ngolu suku kuba iKhondom sesona sikhuseli sithembakeleyo ukogqitha izixhobo zokucwangcisa.

Kuninzi okukhuselwa yikhondom okufana nesifo sikagawulayo kwakunye nezo zangaphantsi kuquka nokunqanda ukukhulelwa phambi kwexesha.

UTerri Ford oyingqonyela kwiAids Health Care Foundation jikelele, uthi lo msitho njengokuba ubanjwa phambi kosuku olukhulu ikwakukukhumbuza uluntu luzonwabise lukhuselekile.

UFord ukwadiza ukuba olu suku lweKhondom lweHlabathi ikwasiso nesikhumbuzo nakoorhulumente behlabathi liphela ukuba iikhondom zibalulekile kwaye ingeniso zingayenza ingakumbi kwezempilo.

Uthi hlala ubeke ikhondom ekuhleni kwenzele neqabane lakho liyibone.

Ngokophando lakwaAHCF, zibe ngapha kweemiliyoni ezisibhozo iikhondom ezisemgangathweni ezithe zaziswa KwaZulu-Natal, Gauteng kwakunye naseMpuma Koloni.

abongile.ginya@inl.co.za