Mnquma: Sigqibelisile ukudibanela eMonti

USodolophu waseMnquma uSithembiso Ncetezo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Umasipala waseMnquma uthathe isigqibo sokuba awuphindi ubambele iindibano zawo zocwangciso kwisixeko saseMonti.

Oku kuxelelwe I’solezwe lesiXhosa nguSodolophu uSithembiso Ncetezo kudliwanondlebe obelubanjelwe kwihotele i-ICC eMonti kwiveki ephelileyo, apho lo masipala ububambe indibano yeentsuku ezine zokuxoxa ngezicwangciso zokusa iinkonzo eluntwini.

“Le ndibano yokucwangcisa ibikukujonga izinto esele sizenzile, sibone ukuba singaphucula njani ukuya phambili. Enye into ebesiyifuna yeyokuba sithi xa siphuma ekupheleni kwexesha lethu [ngo2021], siphume sishiya kukho isicwangciso,” uNcetezo uxelele I’solezwe lesiXhosa.

“Enye into esiyithethayo, kukuba izicwangciso nombono wethu mawungqamane ngqo nesicwangciso kwanombono karhulumente wephondo nokazwelonke ka2030. Kurhulumente wephondo, kukho isicwangciso sephondo lonke. Thina ke ngoku eMnquma, singqamana njani nezo zicwangciso,” utshilo uNcetezo.

Kumbuzo wokuba kutheni bezokuyibambela eMonti indibano yabo, uNcetezo uthe:

“Siyayazi ukuba sinoxanduva lokukhulisa uqoqosho kwiindawo zethu njengomasipala, kodwa kubalulekile ukuqwalasela umthamo neziseko zethu, ngendlela ezime ngayo.”

“Kodwa endingakutsho kukuba sivumelene ukuba kokokugqibela sizobambela imisitho yethu komnye umasipala. Sivumelene ukuba masibambe iindibano zethu kwiindawo zethu, eziquka ooWavecrest nooQholorha kuCentane, kuba umgangatho wazo ukwelibakala silifunayo,” utshilo uNcetezo.

UNcetezo ukwathethe ngozinzo eMnquma esithi ukuqala kwexesha lebhunga kwakunzima. “Ibinguqulukobhode eMnquma, nani ningoonondaba beniyazi ukuba uMnquma yindawo yeendaba. Kodwa emva kongenelelo eluthe lwenziwa, izinto ziye zatshintsha. Ukutshintshwa kwezikhundla zesikhokelo kwanokungena koomanejala abatsha kulawulo lukamasipala, zezinye zezinto ezincedise kakhulu,” utshilo uNcetezo.

Ethetha kule ndibano, iNkulumbuso uOscar Mabuyane uthi uMnquma ukhe wasezindabeni ngezinto ezigwenxa.

“Lo masipala ngumasipala okhe wakhokelisa izinto ezigwenxa ngaphambili, kukruthwakruthwana ngoosopolitiki kunye namagosa, iminyaka [eliqela].

“Ngelo xesha kusenzeka lo nto ke iinkonzo khange ziye ebantwini. Kanti ke eyona nto bayifunayo abantu bakuthi kukuba sibalungiselele iindlela, kubekho amanzi maxesha onke kunye nezinye izinto,” utshilo uMabuyane, esithi uyavuya kukubona kukho uzinzo kula masipala.

UNcetezo uthi ngoku lo masipala uyakwazi ukusebenzisa kwanokuphatha imali ngendlela eyamkelekileyo, watsho esithi bafuna iincwadi zezimali ezicocekileyo (clean audit) xa bephuma kulawulo lwebhunga kunyaka ozayo.

Kwizehlo zoqhankqalazo lwabahlali baseMnquma abakhalaza ngamanzi, uNcetezo uthe: “Imbi kakhulu la nto kuba iye ichaphazele uqoqosho lukamasipala. Uloyiko lwethu kukuba xa oosomashishini bangavala amashishini wabo eGcuwa, kungakubi kakhulu.”

UNcetezo uthi baqaphele ukuba kukho umonakalo owenzeke kwizixhobo zamanzi, nto leyo ethe yabangela ulibaziseko ekufikeni kwamanzi eluntwini emva kwezi mvulana.

“Sifumanise ukuba konakaliswe izixhobo ezifana nemibhobho kwaneevalvi, ezinye zazo zophulwe ezinye zibiwe.”