IMpuma Koloni kwintetho kaRamaphosa

EMVA kwezidubedube ebeziphehlwa yiEFF kwiPalamente yesizwe ngokuhlwa kwangoLwesine, uMongameli Cyril Ramaphosa ude wayenza iNtetho yoBume beSizwe (State of the Nation Address).


Phakathi kwezinye zezinto azithethileyo zichaphazela ngqo iphondo laseMpuma Koloni.

“Sakha iikhampasi ezintsha zeekholeji (TVET) eSterkspruit, Aliwal North, Rhafu naseNgungqushe eMpuma Koloni,” utshilo uRamaphosa.

Ngokumalunga nedama ekudala kuthethwa ngalo laseMzimvubu, uRamaphosa uthe:

 “Lide ithuba sithetha ngeli dama into ephantse ifikelele kwiminyaka elishumi.

 Siza kuqubisana nemingeni yezemali ukuze uqale umsebenzi [wolwakhiwo]. Indlela eya kweli dama sele isenziwa kwaye ndiza kutyelela kungekudala ukuqinisekisa ukuba kuqhutywa umsebenzi (wolwakhiwo),” utshilo okaRamaphosa.

Malunga nomba otshisa ibunzi, wentswelongqesho ingakumbi kulutsha, uMongameli ubhengeze ungenelelo alubiza Presidential Youth Employment Intervention. 

Olu ngenelelo luneentsika ezintandathu zokulwa intswelongqesho kulutsha kule minyaka mihlanu izayo.