INTETHO ENGOBUME BESIZWE

EKUQALENI konyaka ngamnye, izigidi zabantu kweli lizwe jikelele zihlangana zibukele, zize zimamele uMongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika ecacisa umbono wakhe ngexesha leNtetho engoBume beSizwe. Ukususela ngowe1994, abantu baseMzantsi Afrika baye bakuqhela ukubona uMongameli emi phambi kwendibano yezindlu zombini zePalamente aze abhengeze oko sifanele ukukwenza ukufikelela kuMzantsi Afrika esiwufunayo. 
 
Le ntetho yaminyaka le yenziwa nguMongameli ihambelana ngqo noMgaqosiseko wethu kwaye yakhela phezu kwamaphupha elizwe elinenkqubela nelilawulwa ngokwentando yesininzi ayengumbono wamaqhawe namaqhawekazi ayekhokele ngethuba sifumana inkululeko. Ikwasikhumbuza ukuba iPalamente liqonga apho kubethwana ngeentonga zomlomo mihla le; noxa kunjalo oku kufanele kwenziwe kodwa sihlonitshiwe isidima nesithozelo seli ziko.   
Kwintetho yakhe, uMongameli uza kuthetha malunga nemiba yezopolitiko, yoqoqosho neyezentlalo kunye nobume boMzantsi Afrika ngokubanzi, kunye nobudlelwane beli lizwe neAfrika namazwe aphesheya. Uza kuthetha nangemisebenzi emihle nebeyimpumelelo yalo rhulumente wakhe ukususela kunyaka ophelileyo, aze achaze neenkqubo zikarhulumente zalo nyaka sikuwo nezeminye ezayo.

Ngoko ke, xa uMongameli uCyril Ramaphosa ekhwela eqongeni ngoLwesine umhla we13 kweyoMdumba yowama2020 eza kwenza intetho yakhe yalo nyaka, isizwe siza kube silinde ngethemba. Le ntetho iza kusasazwa ngqo kwizigidi zabantu boMzantsi Afrika kwakunye neendawo eziliqela zokubukela zoluntu kweli lizwe jikelele.

Intetho yakhe iza kunika abemi ulwazi abadinga ukulufumana malunga nophuhliso oluqhubekayo kweli lizwe jikelele kunye nemiba echaphazela ubomi babo ntsuku zonke. Olu lwazi luza kuba nceda kakhulu xa besenza izicwangciso ngobomi babo baze ngalo ndlela bakwazi ukuthatha inxaxheba ekuphuhliseni eli lizwe. 

Uninzi loko kuza kutshiwo nguMongameli uRamaphosa luza kusikrobisa kwiNkqubosikhokelo eQiqisisiweyo yesiGaba esiPhakathi (i-MTSF), necacisa imiba ephambili, nemigomo ekujoliswe kuyo ngulo mbuso wonyulwa ngowama2018. Le MTSF, nehambelana nesiCwangciso soPhuhliso seSizwe, inceda urhulumente ukuba akwazi ukubeka esweni inkqubela ekufezekisweni kweNkqubo yokuSebenza karhulumente kule minyaka mihlanu izayo. 
Ikwanika nesikhokelo sezicwangciso ekufuneka ziqulunqelwe amaphondo kunye noorhulumente basekhaya.

Kwiintsuku ezimbalwa emva koko, amaqela ezopolitiko awohlukeneyo azakuba nengxoxompikiswano malunga nentetho kaMongameli uRamaphosa. Le yenye yeempawu ezibonisa ukuba urhulumente wethu izinto uzenzela elubala nangokwentando yesininzi kwaye iyinxalenye yokubeka iliso kwimisebenzi karhulumente. UMongameli naye uza kuphendula kwezo ngxoxo aze anabe kwimiba ethe yaphakanyiswa ngaMalungu ePalamente.

Intetho yalo nyaka ingqamene nonyaka wokubhiyozela isikhumbuzo seminyaka engama30 wakhululwayo entolongweni owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela ekhululwa kwiNtolongo iVictor Verster ngomhla we11 kweyoMdumba yowe1990. UMadiba waba nguMongameli wokuqala owonyulwe ngokwentando yesininzi ngowe1994 ekwangowokuqala owavula iPalamente yokuqala eyonyulwe ngokwentando yesininzi ngowe1994.
Sekuyiminyaka nje emithandathu waswelekayo uMadiba kwaye urhulumente usazimisele ukwenza ngokombono nemigomo abekholelwa kuyo. Njengabemi, kufanele sifunde nto kuMadiba, size sisebenzise oko ukunceda urhulumente ekuqubisaneni nemingeni aqhubekayo ukujongana nayo.

UMadiba wayekholelwa ngamandla ekubeni ukuphucula ubomi babantu kuxhomekeke kumalinge wethu adibeneyo sisonke nokuba kufanele sisebenze ngamandla kwiindawo ezihlala abantu bakuthi khona ukuze sikwazi ukusibuyisela ngokupheleleyo isidima sobuntu kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika.

Njengabemi, nathi sifanele ukuba sikuqonde ukuba uxanduva lwethu aluphelelanga nje ekumameleni umxholo wentetho. Kufanele sifumane iindlela zokuqinisekisa ukuba oko kuthethiweyo kudluliselwa ezantsi koomasipala ngokuthetha rhoqo nabameli bethu boluntu abonyuliweyo.
Enye yeendlela zokwenza oko kukusebenzisa amaqonga awohlukeneyo afana neekomiti zeewadi ezidalelwe ukuqinisekisa ukuba unikezelonkonzo luyaqhubeka kuze kunikezelwe neengxelo malunga neendidi zophuhliso kwiindawo esihlala kuzo.

Iikomiti zeewadi zinoxanduva lokwazisa umasipala malunga neminqweno, iimfuno neengxaki zabantu ezibameleyo. Kanti sinakho nokuya kwiiofisi zikamasipala, okanye sibhalele iileta ooSodolophu bethu, iiNkulumbuso nabaPhathiswa kuMaphondo. 
Intetho yalo nyaka inika urhulumente ithuba lokwakhela phezu kwemisebenzi eyimpumelelo yale minyaka ingama25 yeNkululeko. Kungoko kubalulekile ukuba kungabikho mntu waseMzantsi Afrika uliphosayo eli dinga libaluleke kangaka noMongameli ngentsimbi ye-7 ngorhatya ngomhla we13 kweyoMdumba ukuze sisonke sikwazi ukuhlumisa uMzantsi Afrika esiwunqwenelayo

.- UPhumla Williams usiSithethi esiBambeleyo sikaRhulumente.