OoNongqawuse banamhla basePalamente

Inkxwaleko isizwe samaXhosa esizibhaqa sikuyo namhlanje inentsusa kule veki ngomhla we18 kweyoMdumba ngomnyaka ka1857 nalapho uKumkani Sarhili wangenwa yimpukane endlebeni waphulaphula ilizwi elisisiprofeto esitenxileyo sentwazana uNongqawuse.

Imbali igcwele sisehlo solu suku esathi sashiya inkitha yeenkomo ibulewe ngokomyalelo wesiprofeto, amasimi abhangiswa ngesithembiso sokuba izinyanya zamaXhosa zaziya kuvuswa ekufeni.

Zange kwenzeke oko kwasuka kwagquba indlala nentlupheko. Imizamo kaSarhili yokuthomalalisa ingqumbo yabantu yamkhokelela ekubeni atyelele uMhlakaza noNongqawuse nalapho wabuya nempendulo “izwe elitsha liyakugaleleka kwiintsuku ezisibhozo”.

Ngosuku lwesibhozo kwakulindeleke ukuba ilanga liya kuphuma libomvu okwegazi, ze litshone kwakho phambi kokuba kugqekreze imibane kuvuke abaphantsi. Eso simanga zange senzeke koko inani labantu abafayo lenyuka laya kuma kumawaka angamashumi amane.

Kanye nje emva kwesi sithwakumbe, urhulumente welo xesha waqalisa ukuthumela intaphane kwiijoyini nalapho bathiwa saa kwiindawo ngeendawo besebenza nzima. Ngeliyinene indima yenkolelo yasiqhokra amadolo isizwe sethu.

Ezinye iingcamango zithi le mfuyo yayibulawa kuba yayinesigulo esithile kodwa asikho lapho ngoku. Okucace mhlophe kukuba iinkokheli zamaNgesi zizo ezafaka lo moya kule ntwazana. Sifunda ntoni kule meko? Namhlanje silawulwa ngoosopolitiki abanjongo zabo zingenanto yokwenza neemfuno zabantu.

Bangaphi oosopolitiki onokubakhomba abenza izinto kwiindawo abasuka kuzo? Khangela indlela ekuthe kwagxojwa ngayo umvulo (SONA) wePalamente kwiveki ephelileyo?

Iinjongo zentetho kaMongameli kukunika isizwe izicwangciso zophuhliso kodwa sibone imfazwe ngamazwi phambi kokuba kuqale le ntetho.

KooMasipala kuxatyanwa umhla nezolo de kubulawane. Kwinqaku lethu elingaphambili siva abahlali baseGcuwa bekhala ngooceba babo. Kunjalo kwilizwe lonke!