Uxinizelelo lufana neyeza kum, utsho umqeqeshi omtsha weTS Galaxy

Mabhuti Khenyeza coach of TS Galaxy with Tim Sukazi TS Galaxy Chairman during the TS Galaxy New Coach Announcement on 18 February 2020 at Panorama Sports Club Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi omtsha
weTS Galaxy, uMabhuti Khenyeza, uthi ukulungele ukuqubisa nazo zonke iingxaki anokuthi
ajamelane nazo emidlalweni yeGladAfrica Championship. OkaKhenyeza ukuthethe oku
emva kokuqeshwa ngokusesikweni njengomqeqeshi oyintloko weTS Galaxy. Ukuqeshwa
komqeqeshwa omtsha kulandela ukuhamba kukaDan Malesela engabhungisanga emva
kokubethwa kweTS Galaxy ngo’3-0 yiChippa United emdlalweni wokuqala weNedbank
Cup kwiiveki ezidlulileyo. Kunyaka ophelileyo, iGalaxy yenze imbali ebholeni
yaseMzantsi Afrika ngokuphakamisa indebe yeNedbank emva kokubetha iKaizer
Chiefs ngo’1-0 eMoses Mabhida Stadium. Emva koko, eli qela laseMpumalanga liye lamela
uMzantsi Afrika emidlalweni yeCAF Confederation Cup. Kwimbali yebhola
ekhatywayo, akuzange kubekho iqela eliphakamisa indebe lidlala kumgangatho
osezantsi kowePSL.

Nakubeni
kukho umsebenzi ongako iGalaxy kwezi nyanga zidlulileyo – kodwa kuye
kwabonakala ukuba iqela aliqhubi kakuhle kwiGladAfrika kwaye nendawo elikuyo
ayiniki themba lokunyukela phezulu ekupheleni kwesizini. UKhenyeza, oshiye
AmaZulu abelisekela lomqeqesji kuwo, uxelele iintatheli ekuqaleni kwale veki
okokuba (yena) akaloyiki uxinizelelo ngoba kuye lo nto ifana neyeza. Kokokuqala
uKhenyeza enikwa uxanduva lokuba ngumqeqeshi oyintloko emva kokuncedisa
abaqeqeshi kumaqela afana naMaZulu neMaritzburg United. “Uxinizelelo yeyona nto
indiphilisayo mna kwaye ndiyaluthanda. Ndiyakwazi ukusebenza phantsi
koxinizelelo. Apha ndizokutyala imbewu, ndifuna ukwenza abadlali babengcono
ukuze ndishiye umzila obonakalayo,” utshilo uKhenyeza. Kulindeleke umqeqeshi
omtsha athathe iintambo ngokusesikweni emdlalweni olandelayo.