‘Sinoonodoli booCeba eMnquma’

INkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane ngethuba ethetha nabahlali baseGcuwa

Abahlali baseGcuwa banyanzelise iNkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ukuba isele okanye ihlambe izandla ngamanzi wala ndawo ababanga ngelithi, ngaphandle kokuba enqabile, awekho sempilweni, bekwayuca ooceba babo ngelithi “bangoonodoli” abohlulwe kukusombulula ingxaki yamanzi. Abahlali bathi kunzima ukuwasela la manzi kwaye xa uhlambe ngawo aphuma intsila engaqhelekanga.

Oku kuvele kwindibano yabahlali noMabuyane eMchubakazi eGcuwa ngoLwesibini wale veki, kulandela uqhankqalazo lwabahlali lwemfuno yamanzi noluqhube into engangeveki.

UMabuyane ebekhatshwe nguMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento uXolile Nqata, ophethe amapolisa ephondo uLieutenant General Liziwe Ntshinga, uSodolophu waseMnquma uSithembiso Ncetezo kwakunye nooceba baseMnquma.

Kodwa abahlali abakhange bavume ukuba kuthethe mntu wumbi ngaphandle kukaMabuyane. Abahlali bakhwele bezehlela kooceba baseMnquma kuquka noosodolophu babo bebabiza “oonodoli”. Babanga ngelithi yiminyaka eliqela benengxaki yamanzi ngaphandle kokufumana uncedo kooceba bekhona.

Ngeli thuba uMabuyane ethetha nabahlali, uNcetezo kwakunye nooceba bebehleli ezimotweni kulandela ukuhewulwa kusithiwa bangakhe bavule mlomo kule indibano.

Sithethi nesithethi ebahlalini sitsho esidlangalaleni ngethuba benikwa ithuba lokubuza kwanokuvelisa izimvo zabo kwiNkulumbuso besithi: “Ukuba bebengooceba ababakhathalelayo abantu babo ababavotelayo ngesingekho kule ngxaki sikuyo. Asibafuni nakweyiphi indibano bakuthetha ezingcwabeni kuphela.”

Emva kwendibano ebitshis’ ibunzi, uMabuyane ucelwe ukuba aye koovonxo (borehole) abakufuphi naseMchubakazi, besithi naye funeka akhe ahlambe izandla okanye asele ukuze azivele ngokwakhe.

Ngenene uMabuyane uzihlambile izandla wazibonela umgangatho wamanzi aseGcuwa.

UMabuyane ngethuba eqala ukuvula umlomo ephendula abahlali, uqale ngokucela uxolo kubahlali nangokuthatha ixesha ukuza kubo.

Uthi oku kubalulekile kuba khange badele mvula kuba yingxaki ekudala ikhona le kwaye abanqwenela ukuba isombululeke ngokukhawuleza.

“Sicela uxolo bantu baseGcuwa, ndiza kuphinda emva kweeveki ezintathu ndibuye ukuzokukroba ukuba kumaxa kundawoni ngale ngxaki. Sithetha nje sele luqalile ulungiso ukusuka eTsomo ukuya kwidama laseXilinxa,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthembisile ukuba iiloli zikarhulumente hayi ezethenda ziza kuqalisa eGcuwa zizise amanzi acocekileyo kwaye oko uza kuqinisekisa ukuba kuyenzeka.

Kumba wokuba abahlali bebesithi makugxothwe uNcetezo kwakunye noSodolophu woMasipala weSithili uZibuthe Mnqwazi, uthe oko iya kuba sisigqibo sombutho weANC hayi yena.

Kule ndibano bekukho neenjineli nalapho uMabuyane athe makhe zicacise eyona nto ingunobangela wale ngxaki kula madama, kwaye nento enokuthi ibe sisisombululo esikhawulezileyo ukuze uluntu lufumane amanzi ezindlini zalo njengaphambili.

Le ngxaki yokungabikho kwamanzi eGcuwa ayichaphazelanga makhaya qha, ichaphazele okuninzi kuquka izikolo njengoko abantwana kuthwa abasangeni kwizindlu zangasese ngenxa yokonyanyeka kwazo.

Okunye kuquka isibhedlele saseGcuwa nto leyo enyusa izinga lokubhubha kwabantu. Le ngxaki ikwachaphazela noosomashishini baseGcuwa njengoko kwafuduka noSAB kwakunye noChibuku eGcuwa kuba bengakwazi ukusebenza amanzi engekho.

Abahlali bakwakhalazele imbalelwano yentlawulo yamanzi ephuma eAmathole kodwa babe bengenamanzi. Bathi obo bubuqhophololo kuba bona abasenamanzi.

Bakwadize ukuba bekufana neMarikana ngokohlobo abathe baxhatshazwa ngalo ngamapolisa ngethuba kuqhuba olu qhankqalazo.

Oyinkokheli yabahlali eGcuwa uSaziso Peter uthe baseza kuhlala phantsi betyise bengabahlali emva kwale ndibano yolu suku, bathathe isigqibo sokuba bakhe balubambe kancinci uqhankqalazo.

Udize ukuba abantu bangabuyela emisebenzini. Indibano iyakuphinda ibanjwe ngabahlali ngeCawa ngentsimbi yesibini. UMabuyane uyile nasedamini wayokubona.