Iincwadi eziya kuMhleli

UMasipala waseNgqushwa ubambe imali yabafundi abakwiLearnerhip eququzelelwa nguRural Development Trust.

Le mali ibifakwe kwinyanga edlulileyo kwamasipala ukuze abantwana babenokuyixhamla.

Khange ibhatalwe kubo kuba abasemagunyeni kulo Masipala besithi abavumelekanga ukuba babhatale istipend zeLearnerhip koko bona bengumasipala baza kuyibuyisela kuSETA ukuze ayifake kwibank accounts zabafundi.

Oko bebeqalile abantwana ngoOctober abakapeyi, abanye bayakhwela itransport, abanye bayarenta kule lali iqhutyelwa kuyo le programme (Wesley) kuba aba bantwana basuka kwiilali ezohlukeneyo kwaWard 12 eNgqushwa.

Abantwana abasayi eziklasini kuba abanye babona kudlalwa ngabo kuba akukho mntu uthetha into ebambekayo nozayo kubo azokucacisa, ebandakanya ixesha elibambekayo lokuba le mali izokubhatalwa nini!

Ibuhlungu kakhulu le meko kuba abanye abantwana bareydwa imali yeTransport, abanye imali yerent. Iinyanga zintathu iqhuba le programme.

Yini umntwana omnyama ecinizelwa kangaka?

– Ongafuni kuchazwa eNgqushwa

Ingcinezelo eNGQUSHWA FM!

Ndingomnye obesebenzela isikhululo sasekuhlaleni apha eNgqushwa (Ngqushwa fm). Andonwabanga yindlela umnikazi wesikhululo asiphatha ngayo kwesi sikhululo (NOPONI) .

Okokuqala sipeya ngokulinganayo, unabantu abathandayo nangabathandiyo emsebenzini; indlela yokuthetha nenza ngazo izinto ayisixolisi singabasebenzi besi sikhululo.

Andisathethi ke kube namaxesha kuthiwe imali ayikho for 3 months nangaphezulu kodwa kube kukho abapeyayo. Imali siyayazi ikhona, inkxaso esi sikhululo yayifumana kwabakwaLotto .

Uneemoto yena zintlanu ubuncinane! Andisathethi ke ngokutshintshatshintshwa njalo kwabasasazi nokuba akukho sizathu .

UMadam lo ulawula ngegqudu kwesi sitishi uthetha lo nto ifike kuqala engqondwenu yakhe. Into endenza umsindo kukungasixabisi sogqiba umenzela imali, into ayixabisileyo zizinja zakhe (dogs) zityiswa imince meat zisiwe nakwagqirha xa zingaphilanga, nto leyo thina singenayo kwaloo mali yokuya kwagqirha.

Othi yena upeya iR2000 nangaphezulu kweso sikhululo ngothandiweyo nguye. Kokwabo wakhile; wathengela utatakhe ibhaki, wazithengela indlu yena kunye nemoto phezu kwezo anazo, akugqiba athi isikhululo asinamali!

Kwaye impendulo yakhe xa sihleli kwiimeetings uthi nokuba uyayitya imali yeyakhe, umntu makazivulele eyakhe iarhente, nto leyo ingaginyeki kamnandi kuthi basebenzi. Uninzi lwabanye bayoyika ukuphuma elubala ukuthetha kodwa xa sihleli sodwa ubone ukuba sonke sikhala ngento enye.

Ubuqhophololo obukwesi sikhululo abuthetheki, siyazi nokuba urhulumente uyasixhasa qha yena ucinga ukuba akukho kwanto esiyaziyo. Xa uqala umrholo uba yiR300 le ingenakuphuma ne12,5kg ezimbini kuyo.

Usiphethe kabuhlungu lo sisi kuba eyazi ukuba abantu badinga umsebenzi. Hayi ke eyokusayinwa kweecontract de kuphele unyaka oko ulivolontiya! UMadam udlala ngathi kuba esithi usinika iexperience. Phofu ke ukhupha kwakuwe epokothweni xa kufuneka ucholachole ulwazi kwakule mali ingekhoyo.

Ndidikwe finish zezi zikhululo zasekuhlaleni zingenanyani! Urhulumente makazifake phantsi kwakhe hayi le yokuba isikhululo sibe sesomntu, ngokuba yena xa esenqatheni akabazi abanye abantu!