UMabuyane wenza imbali ngokwabela imali kumakomkhulu obuKumkani

INkulubaphathiswa yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane
Okokuqala kwimbali karhulumente waseMpuma Koloni, iNkulubaphathiswa, uOscar Mabuyane, ubhengeze isabelo semali kumakomkhulu asixhenxe obuKumkani beli phondo.

Ngaphambili iiKumkani zeli phondo, ingakumbi ongasekhoyo uKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu, bezikhala zisithi nazo zifuna isabelo njengoko ezenza urhulumente waKwaZulu Natal kuKumkani Goodwill Zwelithini.
Kwintetho yakhe yobume bephondo eBhisho ngoLwesibini, uMabuyane, uthe: “Okokuqala, kulo nyakamali uzayo (oqala ngoTshazimpuzi) siza kwabela amakomkhulu obuKumkani asixhenxe imali ekwizigidi ezingamashumi amabini ananye (R21 million),” utshilo uMabuyane.
La makomkhulu yiNqadu kuGatyana, iMngqesha eQonce, iBumbane eMthatha, iRhode kuCofimvaba, iNyandeni eLibode, iNdimakude eFlagstaff kwaneKroza kuQumbu.
Ikomkhulu laseKroza liza emva kwesigwebo senkundla yaseMthatha nyakenye esigunyazisa ukubuyiselwa kobuKumkani bamaMpondomise obathathwa ngurhulumente wengcinezelo ngo1904.
Ukwabelwa kwala makomkhulu le mali kuthetha ukuba iKomkhulu ngalinye liza kufumana izigidi ezithathu ukusukela ngoTshazimpuzi.