Ikheswa lidliwa ziimpethu!

IinqweloMAFUTHA nezithuthi zikawonkewonke ziphume zingumkrozo kusuku lwangoLwesihlanu, umhla wama21 kule yoMdumba.

Ezi nqwelo bezithwele amathole namathokazi omgquba asingise kwelaseMpuma Koloni, idolophu iyiLady Frere, kwilali yakuBengu, kumzi wakwaYekiwe emaNuneni akwaDoyi kaXesibe.

Iinjongo zolu hambo kubo bonke aba bantu, ibikukuya kuthi ndlelantle kwingxilimbela yasemaXesibeni esutywe kukufa ngenxa yengulo engesibindi, ithole lakuBengu, uMpumezo Martin “Dyan” Yekiwe.

Ziphuma zilandelelana ngobuninzi nje izithuthi neekhombi kweli laseNtshona Kapa, kungenxa yobuntu, imbeko, intobeko noburharha balo mfana wakwaYekiwe ngelixa esaphila.

UMpumezo Yekiwe ngomnye woovul’indlela bolwimi lwesiXhosa, kuba akaphelelanga nje ekusifundeni kwiziko laseUWC, koko uqhubele phambili ekwaphanda ngezagwelo nobunzululwazi besiXhosa kwinqanaba leeOnazi neleMastazi kula yunivesithi yaseStellenbosch.

Ngenxa yokuthanda kwakhe isiXhosa, umntakaYekiwe ude wakhupha umqulu weMastazi esiXhoseni, mqulu lowo ufumaneka kwela thala leencwadi likwakule Yunivesithi yaseStellenbosch.

Ubafundisile kakhulu abantwana kwizikolo ezininzi, kunjalo nje abantwana abaphuma kwizandla zakhe, bebesiphumelela emagqabini isiXhosa.

Ngenxa yale ndima yalo nyana wohlanga wakwaYekiwe, wonke ubani uncame konke, ezixelela ukuba uza kuluthatha olo hambo lude olusuka eKapa ukuya kuBengu eLady Frere.

Endleleni eya kulo mngcwabo kabhuti Mpumezo Yekiwe, mngcwabo lowo ubumhle undilisekile kwaye unesidima ufana nalowo usanduleleyo, kubekho nje izinto ezimbini eziye zaqapheleka, kangangokuba zangundabamlonyeni nembangingxoxo kwezo zithuthi besihamba ngazo.

Umba wokuqala, ngowokuba kwisithili sakwaNzunga phesheya koTywath’umpu, xa kanye siphuma kwiphondo leNtshona Kapa zingena kweleMpuma, izithuthi ziye zamisa kuba sibona ukuwayizela kwabantu kuloo mizi yelali encinci enemizi ethe gqa-gqa.

Sithe xa sibuza isizekabani saloo ngxolo nengxokozelo, sachazelwa ngomnye wabahlali balapho ukuba kukho indoda efunyenwe sele iziiveki ezintlanu iswelekile, kangangokuba umzimba wayo ufunyenwe uliqika iimpethu, iimbovane, amaphela kwaye neempuku ezi zizenzela. Iqukumbele ngelithi, “ikheswa lelali lidliwa ziimpethu.”

Xa sizama ukuphicotha le ntetho yalo mfo, sifumanise ukuba umfi lo ibingumntu ongabathandiyo abantu, ongabahambeliyo abantu, ongathethiyo nabantu nohlala elikheswa ezivalele yedwa endlwini.

Kungoko ke engakhange aziwe nokuba akasekho emhlabeni. Kwingxoxo yethu ke sikubethelele kakhulu ukubaluleka kokuba ngumntu osondeleyo ebantwini, ukuze namhla usengxakini, kube lula ebantwini ukuyiqonda imeko nokuveza iindlela zokunceda.

Umba odale nenye ingxoxo eshushu kwakule ndlela yokuya kuthi tutwini kumzi wakwaYekiwe, kukuba kwiibhodi ezikhomba kwizwe lakuloMpumezo Yekiwe, kusasetyenziswa negama elithi “Lady Frere” ecaleni kwelo lithi “Cacadu.”

Sazi sonke ke ukuba iindawo ezifana neLady Frere le, Mount Frere nesibhedlele iFrere eMonti, zathiywa ngegama lerhuluneli eyayiphethe ummandla weCape Colony ngomnyaka ka1877, rhuluneli leyo eyayinguSir Henry Bartle Frere.

Akwanelanga nje ukuba kuthiywe iindawo ngale rhuluneli yamakoloniyali elo xesha, kude kwabukwa nomkayo, ekho amakhosikazi eekumkani neenkosi zakwantu ngelo xesha, ngo1879 kwathiywa nedolophu kwangegama lomfazi kaFrere, kwathiwa yiLady Frere.

Sixoxe kakhulu ngokujongelwa phantsi kwamagama esintu kwiindawo ezihlala abantu, suka kuxatyiswe lawo asemzini.

Imibuzo iye yathontelana isithi kutheni xa siza kubalisa ngembali yeendawo zethu, ezihlala thina, kuza kugqama amagama okanye isigama sasemzini?

Bambi besithi ukusukela ngoku, emva kokubekwa kwethole lakuBengu uMpumezo Yekiwe, umthandi wesiXhosa, kwanga kungagqama uCacadu ngaphezu koLady Frere, kwanga kungagqama uKwaBhaca ngaphezu koMt Frere, kwanga kungavela iSibhedlele iNonibe (Nonibe Hospital) ngaphezu koFrere Hospital.

Ndlelantle Mnune, Ngxilimbela yasemaXesibeni kwaYekiwe, uthe nangoku sele ulele ukuthula, safunda kwaye saphawula nto ngesiXhosa!