Utshaba leChiefs elikhulu lifuna iphumelele ngoMgqibelo

Judas Moseamedi of Maritzburg United challenged by Daniel Cardoso of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2019/20 match between Maritzburg United and Kaizer Chiefs at Harry Gwala Stadium, Pietermaritzburg, on 22 December 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kokuyonzakalisa
iKaizer Chiefs izihlandlo eziliqela kule sizini, utshaba layo elikhulu lifuna
iqhube kakuhle emdlalweni ongempelaveki. UJudas Moseamedi uncokole neentatheli
izolo phambi komdlalo omkhuluu oza kuba phakathi kwe-Orlando Pirates neChiefs
ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Ifolosi yeMaritzburg United ikhethe
ukuphumelela elubala ngento enqwenela yenzeke xa kudibana awona maqela
aphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika. UJudas yindoda ezibaluleyo kule sizini
ngokufaka amagowuli abalulekileyo ngakumbi emidlalweni yeTelkom Knockout,
iMaritzburg United eyabethwa yiSundowns kuyo emdlalweni wokugqibela kunyaka
ophelileyo. Nangona ethe ungumlandeli wePirates omkhulu, uJudas uthe ingase
kuphumelele Amakhosi. “Ndiza kuxhasa iChiefs ngoba iyisebenzele indawo ekuyo.
Mna ndicinga ukuba yiyo efanele ukuthatha indebe ye-Absa Premiership ngoba
idlale kakuhle kakhulu kule isizini,” utshilo uJudas.

“Ndingumlandeli
omkhulu wePirates – kodwa ke umsebenzi ngumsebenzi. Xa ndisebaleni, kufanele
ndisebenzele iqela lam ngoba lilo elandinika ithuba ndingafunwa mntu kweli
lizwe. Njengokuba ndihlala ndisenza kwamanye amaqela, xa siza kudlala neChiefs –
ndisoloko ndiqinisekisa okokuba ndisebenza ngokukhulu ukuzimisela ukuze
ndifumane igowuli nokuba linye emdlalweni. Xa sidlala neChiefs, kuyenzeka umdla
ube phezulu kakhulu,” utshilo uJudas. Kwiiveki eziphelileyo, umqeqeshi weSA
Under-23, uDavid Notoane, ubhengeze amagama wabadlali abazakuya emidlalweni
ye-Olimpiki- phakathi kwaloo magama kuko nelikaJudas. “Ukubizwa kwegama lam
yinto entle kakhulu ngoba kuyabonisa ukuba kukho into entle endiyenza. Ndinethemba
lokuba okwenzekileyo kuza kundikhuthaza njengokuba kusondela ixesha lemidlalo
ye-Olimpiki ngoba ingaba yinto enkulu kakhulu kum,” uvale ngaloo mazwi uMoseamedi.