Umsasazi wesiXhosa okhe wasebenza kwelakuloYesu

Imbali ngesixeko saseJerusalem ikhangeleka ngathi yimbali ngesixeko sasezintsomini apho umntu owaziwayo ongumXhosa angenakunyathela khona.

Esi sixeko sibaluleke ngokuba kulapho kumi khona itempile eyakhiwa sisilumko uSolomon webali laseBhayibhileni. Esi sixeko sikwabaluleke ngokuba kulapho uYesu Kristu wangena ekhwele iesile endlalelwe iingubo ziintombi zaseJerusalem.

Ngelo xesha esi sixeko sasilawulwa ngamaRoma awayekholelwa kwisithixo sawo engakholelwa kuYehova. Esi sixeko kulapho uYesu wagwetyelwa ukubethelelwa emnqamlezweni nguPontius Pilato.

Emva koko wathwaliswa umnqamlezo enyuka amanqanaba alishumi elinesine esisiwa kwintaba yeGolgotha apho wabathelelwa khona. Phezu kwaloo ntaba kwakhiwe icawe ekuthiwa yiChurch of the Holy Sepulcre ebaluleke kakhulu kumaKrestu.

Umsasazi weRadio Xhosa yakudala uFezile Wotshela wakhe wasebenza kule dolophu. UMnu. Wotshela wazalelwa eReitz eFreyistata ngomhla we18 Meyi 1939.

Kowabo wayengumntwana wokuqala kubantwana abathandathu. Wathi eneminyaka elithoba wayishiya iFreyistata waya kuhlala eMgwali eCumakala, kwikhaya lokuzalwa likayise.

UWotshela wafunda eCumming Memorial School apho waphumelela ibanga uStd V ngowe1953. Ngowe1954 waphumelela ibanga likaStd VI eDorrington School eBhofolo.

Emva koko waya kufunda eLovedale Missionary Institution eDikeni ukusuka ngowe1955 ukuya kowe1959. UWotshela waqala ukusebenza kwamasipala eCumakala ngowe1962. Ngowe1967 waqeshwa liqumrhu losasazo iSABC njengomchwethezi nomqambi kwiXhosa Service of Radio Bantu, eQonce.

Ngowe1981 iqumrhu losasazo iSABC lamthumela eGoli, eRhawutini njengomvelisi wesiXhosa nomguqulilwimi kwaTV2. Iphephandaba lesiXhosa laseQonce, ‘Imvo ZabaNtsundu,’ lakhupha inqaku ngomhla wama25 Matshi 1983 elalisithi, ‘Ubuyel’ ekhaya uEl Fez’ elahambisa lenjenje: “EQONCE: Iintsuku ezimnandi zisondele.

Abafundi abangamanxila engoma sebeza kuxhamla uncuthu lomculo bengekade banxube zizifundo ekhaya ngokuhlwa.

Oku kuthethwe ngulowo wayengumsasazi womngqungqo kwiRadio Xhosa, uEl Fez Wotshela obekade engumququzeleli nomfundindaba kumabonakude wabaMnyama (TV2).

UFez osandula ukubuyela ekhaya uza kusasaza inkqubo yabafundi ngokuhlwa ukususela ngentsimbi yeshumi ukuya kuthi gaa ezinzulwini zobusuku.

Phambi kokuba abuyele kweli ziko lesiXhosa ubebuya kumyhadala owaziwa ngokuba “The Cannes International Film Festival” eFrance. Ngaphandle koko wayeye kuthenga imifanekiso bhanyabhanya yoomabonakude.

Uhambo olu lwamjikelezisa kula mazwana: Israel, Italy, Cyprus, Greece, Sicily, naseJerusalem. Xa ebuzwa yintatheli yeMvo ukuba yintoni ebangele ukuba abuyele kusasazo lwasemoyeni ekubeni ubuso bakhe bebusebuqhelekile kumabonakude, uphendule wathi:

“Ndiye ndafumanisa ukuba kuninzi okunokwenziwa lusasazo ukuphumza umfundi emva kwezifundo. Ethetha ngezigigaba zolo khenketho, uEl Fez uchaze ngomboniso bhanyabhanya awawubizelwa ngesiquphe ukuba athabathe inxaxheba kuwo. Umboniso lowo wawusenzelwa kwisixeko seeNgcwele eJerusalem ubizwa ngokuba “In the footsteps of St Paul,” uphinde wonwatyiswa liqela lomculo elibizwa ngokuba “The Freddy Weisgal”.

UFezile Wotshela wadlala indima kwezomculo, wayengumdlali wepiyano, umdlali wetrumpet, umbhexeshi, nomqambi weengoma zomculo weekwayala. Umculo usuka nawo ekhaya.

Usapho lwakowabo lwaluzimvumi, uyise, ooyisekazi noodadobawo bakhe bonke babebhexesha ikwayala zomculo, bonke belandele ikhondo lobutitshala. Ngethuba wayeseLovedale wayedlala itrumpet kwibhendi yesikolo.

Kulapho wahlangana khona nemvumi uTodd Matshikiza edume ngokubhala incwadi ethi, “Chocolate For My Wife”. Ngethuba wayesebenza eCumakala wanikela ixesha lakhe elininzi kumculo weekwayala. Ngowe1964 waseka iqela lomculo ekwakusithiwa yiCalypso Beats.

Ngowe1967 ngexesha eseQonce waseka iqela lakhe elalidlala ngamaxilongo kuphela ekwakusithiwa yiJazz-O-Tone. Waseka kwakhona kwaseQonce iqela elalicula ngamazwi alandela amaxilongo ekwakusithiwa ziRoulettes.

Onke la maqela athi arekhodishwa eRadio Bantu, eQonce. KwaseQonce apho wathi wangumbhexeshi wekwayala iBantu Presbyterian Youth Club Choir eQonce.

Ngowe1970 wahlangana naba balandelayo baqalisa iikonsathi zeJazz kwaZwelitsha eQonce: Duke Ngcukana (trumpeter), Victor Majiza (Bassist), Aubrey Simane (Saxe), Pina Yiba (drummer).

Ezinye zeengoma zakhe awaziqambayo zezi zilandelayo: Iinkungu zasekuseni, Umtshongolo kaMhlakaza, Umngqungqo, Thula Bhabhana, Real Girl, My Little Robin, Bendikuthanda.

Intombi yakhe egama linguNada Wotshela yafunda imatriki eKhwezi Lomso High School eZwide eBhayi. Yaphumelela isidanga seBA kwiPsychology neSociology kunye neseMasters kwiDevelopmental Studies.

Yaqala ukusasaza ngokuba ngumvelisi wenkqubo, nomfundi weendaba eUbuntu Community Radio eBhayi. Waqeshwa yiSABC kwisikhululo sosasazo iCKI FM eBisho esaguqulwa igama saba yiTruFM. Waphinda waya kuba nguMphathi-Sitishi iCKI FM eBhisho.

Ukumka kwakhe apho wayokusebenza kuMhlobo Wenene eBhayi. Wenyuselwa eMhlobo Wenene FM ngengoMphathi weeNkqubo. Wemka apho waya kusebenza njengeSABC Provincial Manager eNtshona-Koloni, emva koko wathunyelwa eMpuma-Koloni kwanjengeSABC Provincial Manager.

Ngokodliwanondlebe esilwenze noProf L. Wotshela onguMlawuli kwiCandelo lokuliLifa lweMveli neziThethe eFort Hare eDikeni, isiduko sikaFezile Wotshela nguMnywabe.

AmaNywabe ngokolwazi lwethu athuthwa enjwenje: Mnywabe, Msengana, Gatyeni, Hewula, Ndondela, Mamali, Dlehluthi, Msuthu, Nkomo zibomvu ezimnyama ziyaxhelwa, Kanti nezinco nezimvubo-mazimba bazifuyile!

Esi sizwe ke sesinye sezizwe zabeSuthu ezathi zaba nokumanyana nezizwe zooNoqhakancu, ngokuzekelana. OoNoqhakancu ngabantu ke ababengamachule okuzoba ematyeni, besila utywala obenziwe ngobusi benyosi ekuthiwa yiqhilika, bengamachule okuxuba amayeza.

AmaNywabe alishiya elabeSuthu kwaphambi kolawulo lukaMshweshwe. AmaNywabe abongwa ngeenkomo ezimnyama nezinco. Ezi nkomo kuthiwa zezokulungisa imisebenzi yasemaNywabeni yamasiko nezithethe zawo.

Xa zithe azaxhelwa izinto phakathi kwekhaya azilungi. Loo nto kuthiwa nguqhelekile lisiko linenkqayi, isuka kude le kooyisemkhulu bamaNywabe kuba nabo babesenza njalo!