Bafuna impendulo ngabantwana bakwaMpendulo

UMongameli wePAC uMzwanele Nyhontso, ohleli phantsi, eyokuvulela uFW de Klerk ityala eMadeira eMthatha UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Umbutho iPan Africanist Congress of Azania (PAC) uthi ufuna lowo unguMongameli wokugqibela kwinkqubo yengcinezelo uFW de Klerk ukuba abekwe ityala “lokubulala” abantwana betshantliziyo lePAC uSigqibo Mpendulo eMthatha ngo1993.

Abantwana bakaSigqibo babulawa ebusuku eNorth Crest eMthatha ngomhla wesibhozo kweyeDwarha 1993, bedutyulwa ngamajoni womkhosi woontamolukhuni.

Amaxhoba yabangamawele uSamora noSadat Mpendulo (17), umzala wabo uMzwandile Mfeya (12) kwanabo babefunda nabo esikolweni uThando Mthembu (17) kwanoSandiso Yose (12).

Badutyulelwa kulo ndlu kuba imikhosi ekubangwa ukuba yayiyalelwe nguDe Klerk yayicinga ukuba kukho isigqubu samajoni wephiko lomkhosi lePAC iAPLA.

Ngoku, kwiminyaka engamashumi amabini anesithandathu emva kweso sehlo, iPAC ithi ifuna aphendule uDe Klerk.

“Ityala lalivuliwe ngaphambili, qha ke alizange lihambele phambili. SiyiPAC kudala sikhalaza ukuba kutheni exatyiswe kangaka uFW De Klerk. KweyeNkanga nyakenye ndaphakamisa ilizwi ePalamente lokuba uyakuze aphendule nini uDe Klerk ngabantwana bakwaMpendulo,” kutsho uMongameli wePAC uMzwanele Nyhontso.

UNyhontso ekunye namatshantliziyo ePAC bebekwisikhululo samapolisa eMadeira eMthatha ngoLwesine weveki ephelileyo befuna kuphengululwe eli tyala ukuze kubanjwe uDe Klerk.

Kwisikhululo samapolisa uNyhontso uthi baxelelwe ukuba kuza kukhe kukhangelwe idokethe lela tyala ze bayalelwa ukuba babuye namhlanje (Lwesine).

“Kudala siyithetha le nto kaDe Klerk singathathelwa ngqalelo. Into evuse umnyele ngoku ziintetho zakhe ezithi ingcinezelo yayingelolwaphulomthetho olujolise ekuxhaphazeni abantu.

“Into esiyifunayo kukuba abanjwe uDe Klerk. Sikwafuna axele aba bantu badubula abantwana bakwaMpendulo. Sasiyiphakamisile lo nto nakwiKomishini yeNyaniso noXolelwaniso, sisithi sifuna aba bantu badubula abantwana bakwaMpendulo,” kutsho uNyhontso.

Xa lingafumaneki idokethe, uNyhontso uthi baza kuvula ityala ngokokutsha.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za