Babalisa amabali amabi okusinda engozini!

Nandipha Gcume

ISITHWAKUMBE sentlavubela yengozi yebhasi eshiye imizimba idunduluzile ngesaquphe kodwa kwakhona ababalelwe ukushiyeka bebalisa amabali angakholelekiyo okusinda.

Leyo yingozi yebhasi yakwaAB350, iibhasi ezinesivumelwano norhulumente waseMpuma Koloni sokuthutha abantu basezilalini.

Ixesha beliphuthaphutha intsimbi yesibhozo kusasa ngethuba le bhasi iqala ukuphequka ngakwisawana saseQolweni eNxaxhu kuCentane. “Yhu yhu yhu”, eso ibe sisikhalo sabantu, ingakumbi oomama abadala abebesiya kwinkamnkam. Kuphinde kwavakala esinye isikhalo “yho, yho, yho”. Ngelo xesha ibhasi iqala ukuthi folokohlo ngecala lasekhohlo. Umntu wokuqala ukumtyekeza ibinguBukelwa Nkonki osebenza eGcuwa.

Ngethuba sibhala eli nqaku inani labo babhubhileyo belikumashumi amabini anesihlanu, abanye besalele ngandletyananye kwizibhedlele eziquka iFrere, Thafalofefe neCecilia Makiwane. Kwabo babhubhileyo kuquka umntwana oneminyaka emithathu obhubhele eFrere.

Kwabo bonzakeleyo, umntu wokugqibela ukuhlangulwa kwesi sawana yindoda esele ikhule. Le ndoda, nekhutshwe ngabafana abasixhenxe baselalini, ihlangulwe kwimizuzu engamashumi amabini anesine emva kwentsimbi yesithathu (15h24).

Kodwa phambi kokuba yenzeke le ngozi, kukho nenekazi lithile, uNandipha Gcume.

UGcume ukhwele eChebe njengabanye. Uthe akufika eThafalofefe, xa ibhasi ibisothula abaya esibhedlele, waziva ediniwe. Ucele usisi wakhe uZanele Velamva ukuba behle ukuze bathathe iteksi eya eGcuwa. UVelamva wale kwaphela, wabe kanti ushiyeka yedwa uGcume.

“Ndikhwele le bhasi eLusizi eChebe, ndihamba nosisi wam uZanele Velamva. Apha ekukhweleni ndizive oku ngathi ndidiniwe, ndabona ukuba mandehle estophini esibhedlele eThafalofefe ekumganyana phambi kokuba ibhasi ifike kule ndawo yengozi.

“Xa sifika eThafalofefe ndicele usisi wam ukuba masehle, akafuna. Ndibone ukuba mandimyeke kuba ndingafuni kuxambulisana naye.

“Andizazi ukuba bendidinwe yintoni. Ngenxa yokuba besimile apha ebhasini ndivele ndabona ukuba mandincame nalo R28 besele ndiyibhatele, ndakhwela iteksi yeR40. Ndithe ndakuva ukuba le bhasi bendiyikhwele ingene engozini ndavele ndaphelelwa ngamandla. Usisi wam ndifike sele ethathiwe wasiwa esibhedlele,” utshilo uGcume, ebalisela I’solezwe lesiXhosa kwindawo yexhwayelo.

UBukelwa Nkonki uthi le bhasi ibihamba ngesantya esiphezulu. “Bendisuka eChebe ndisiya eGcuwa apho ndiphangela khona. Ibhasi iphume sele igcwele yafika yothula abantu eThafalofefe. Ifike eQolweni yahamba nje kancinci ndabe sele ndisiva abantu bekhala ‘yhu yhu yhu’.

“Ngelo xesha imana ukuphequka ngamacala la. Bendikhwele ngasefestileni kwisitulo sesibini ukusuka emva. Yenze lo nto emva koko yawa ngecala lasekhohlo, yaqhekeka ifestile yandityekeza xa iphequka okwesibini.

“Emva koko iye yaqengqeleka ngoku ndiyijongileyo. Ndaphakama ndayokunceda abanye abantu. Abanye bebefuna ukuba ndibasekele ngeempahla zabo bekhala. Kufike oonoteksi saqalisa ukufaka abantu eteksini besisiwa eThafalofefe,” kubalisa uNkonki.

Abantu bokuqala ukufika kwindawo yexhwayelo ibe ngabahlali kwanoonoteksi. Ngabafana bendawo yokuhlala kuquka noonoteksi abasebenzele ukuzophula behlangula abonzakeleyo.

UNkosi Monwabisi Mcothama ngomnye wabafike phambi kweenqwelo zezigulana.

“Ndifumene umnxeba ekuseni. Andikhange ndiphozise maseko ndaya kwindawo yesehlo. Ndifowunele amapolisa kwanoSodolophu waseAmathole ndisithi makuzanywe uphephela.

“Ndifike abanye beswelekile, sabona ukuba masingqale kwaba bonzakeleyo. Imeko ibimbi kakhulu, abanye bebelimele entloko abanye kubonakala ukuba bacinezelwe yibhasi,” utshilo uMcothama.

Ukanti uMongameli Cyril Ramaphosa udlulise amazwi ovelwano logama uMphathiswa wezoThutho uFikile Mbalula ethe watyelela indawo yexhwayelo ngoLwesibini. Urhulumente uyaqhuba nenkqubo yentuthuzelo yomphefumlo kwabo bachaphazelekileyo.