UPicasso angayihlangula na iChippa?

URhulani Mokwena ethetha noWilliam Twala emdlalweni obuphakathi kweChippa United neBidvest Wits kwiveki ephelileyo eBidvest Stadium.: Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

Eyona nto ebalulekileyo kakhulu kuRhulani “Picasso aka Monalisa” Mokwena kukuqinisekisa okokuqala iChippa United igcina indawo yayo kwiPremier Soccer League.

Kuye kwanyanzeleka abaphathi beChippa baqeshe umqeqeshi omtsha emva kokuhamba kukaNorman Mapeza omke emva kokubetha AmaZulu FC emdlalweni obuseBhayi kutshanje.

Ekudingeni kwayo iChippa United ebisele ibambise uMbuyiselo Sambu, iye yabolekwa uRhulani Mokwena ngusihlalo we-Orlando Pirates uGqirha Irvin Khoza ukuze ibe nguye umqeqeshi kude kuphele isizini.

Kuye kwanyanzeleka uPicasso kaMonalisa ayitshaye isaqhuma kwiveki ephelileyo ngoba ufike iChippa isendleleni eya eGoli – apho ibiyokudlala neBidvest Wits.

Isiqalo sakhe sibe sihle ngoba iChippa ibuye nenqaku elinye emva kokuba umdlalo uphele iliqanda macala.

Umbuzo usamile: angakwazi na uMokwena ukuyihlangula iChippa? Angakwazi ukuyenza lo nto xa enokunikwa ithuba nenkxaso epheleleyo.

Nangona esemncinane – kodwa akukho namnye umntu onokuthandabuza isakhono nengqiqo kaRhulani kwicala lokuqeqesha emva kokuzibonakalisa kumaqela amakhulu afana neMamelodi Sundowns nePirates.

Njengokuba isizini isondela ekupheleni, amaqela amaninzi aquka iChippa alwela ukusinda ezembeni.

Ihleli kwindawo yeshumi elinesibini ngoku iChippa emva kokuqokelela amashumi amabini anesithandathu amanqaku emidlalweni engamashumi amabini anesine.

Ayikaphumi engxakini iChippa ngoba iwashiya ngamanqaku amathathu qha amaqela asezantsi kwayo.

Nakubeni kunjalo, uRhulani uthi ukholelwa kwelokuba iChippa liqela elimfaneleyo kwaye uzimisele ukulisindisa ezembeni.

Yisizini yesithathu le iqela likaMpengesi lisilwela ukuphepha izembe.

Ukungaqhubi kakuhle kwayo ekuqaleni nokugxotha abaqeqeshi kunomthelela kwindawo elikuyo ngoku.

Uzamile kekambe uMapeza ngoba nguye olonyula endaweni embi.

Ethetha neentatheli emva komdlalo wakhe wokuqala, uMokwena uthe uyakholelwa kwelokuba uthathe isigqibo esilungileyo ngokuza kwiChippa enomphathi odume ngokugxotha abaqeqeshi.

“Andikwazi ukuhlala ngaphandle kwebhola ixesha elide. Bekufike ixesha lam kwaye ndicinga okokuba ndithathe isigqibo esilungileyo.

Ebekhona amaqela ebendifuna – kodwa ndithe mandizame ukunceda apha.

Into esiyicingayo kukudibanisa amashumi amathathu amanqaku.

Eyona nto endiyizeleyo apha kukuqinisekisa okokuba kukho uzinzo eqeleni futhi liyahlala kwiPSL,” utshilo uRhulani.

IChippa iza kudibana neCape Town City emdlalweni wayo olandelayo eSisa Dukashe Stadium ngomhla wamashumi amabini.