Ugwetywe ubom obedlwengula eBhayi!

Mzikayise Moyakhe,27, ogwetywe ubom emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula. UMFANEKISO: SAPS

UMzikayise Moyakhe,27, waseMotherwell eBhayi uzakuchitha ubomi bakhe entolongweni emva kokuba inkundla yamatyala aseBhayi ithe yamgweba iminyaka engamashumi asibhozo ethothoza emjiva emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula, ukuxhwila, kwakunye nokuphanga.

Ngokwengxelo ebekwe phambili kwenkundla ithi, uMoyakhe ebejonga kanye amakhosikazi asemancimane ahamba odwa ebusuku. Ebeye awagrogrise ngemela kwaye abajwile nangamatye abathathele yonke into entle abanayo akugqiba abadlwengule.

Oku ukwenze phakathi kuka2011 ukuya 2017 amaxhoba akhe aphakathi kweshumi elinesithandathu ukuya kumashumi amabini ubudala. UMoyakhe ugwetywe ngoMvulo yinkundla ephakamileyo yamatyala eBhayi.

UMkomishinala wephondo uNjengele Liziwe Ntshinga uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe ngoogxa bakhe owokuqinisekisa ukuba umrhanelwa uyabanjwa kwaye nobungqina obufunwa yinkundla bufanelekile. Uthi esi isigwebo iyakuthi ibesisifundo nakwabanye babenzi bobubi.

Kusenjalo kubanjwe inkosikazi,33, eKamesh eTinarha ngamapolisa emva kokuba ithe yabulala imveku yayo enenyanga ezintandathu izelwe akugqiba yazama ukuzibulala nayo kwigumbi lokulala.

Le nkosikazi ayivumanga ukuvula umnyango xa amapolisa efuna ukungena kweli gumbi. Ekungeneni kwawo le mveku ebiyinkwenkwe ifunyenwe sele ibhubhile inamanxeba emzimbeni.

Umama womntwana yena ufunyenwe enamanxeba kwizihlahla zombini. Usajini Majola Nkohli uthi le nkosikazi kufumaniseke ukuba igula ngokwasengqondweni.

Ithathiwe yasiwa kwisibhedlele nalapho ifumana unyango. Amapolisa avule ityala lokubulala.