Ramaphosa: ‘Makubuliswane ngengqiniba, hayi ngesandla’

Caption: UMongameli Cyril Ramaphosa

UMongameli Cyril Ramaphosa ugxininise ukhuseleko lwabantu kule ntsholongwane yeCorona ecela abantu ukuba bahlambe izandla zabo rhoqo, futhi bayeke ukubulisana ngezandla endaweni yoko basebenzise ingqiniba.
Ethetha nesizwe ngorhatya ngeCawe uRamaphosa ubhengeze ukuba inani labo bosulelekileyo likumashumi amathandathu ananye (61), kwaye eli nani lingenyuka.
“Masitshintshe indlela yokwenza izinto, sihlale sicocekile. Okhohlelayo nothimlayo agqume iimpumlo nomlomo. Sikhuthaza ukuba kungabuliswana ngezandla koko kusetyenziswe ingqiniba,” utshilo uRamaphosa.
“Kufuneka sisabele kwesi sifo, asinakwenza undophulele. Sithathe izigqibo zokulawula esi sifo ukuze sikhusele abantu bakuthi,” utshilo uMongameli.
URamaphosa uthi ilizwe lidize le ntsholongwane njengengxubakaxaka.

Phakathi kwezinye izinto athethe ngazo zezi:

1. Ukuncitshiswa kokusondelelana kwabo bachaphazelekileyo.
2. Ukunqunyanyiswa kwezophapho kumazwe afana neItaly, Iran, South Korea, Spain, Germany, USA, UK naseChina ukusukela nge-18 kaMatshi.
3. Abantu beli bakhuthazwa ukuba banqumamise uhambo oluya kumazwe achaphazelekileyo.
4. Siza kuqinisa uvavanyo kwizikhululo ezifana neOR Tambo, King Shaka naseKapa.
5. Iindibano ezinabantu abangaphaya kwekhulu azizukuvunyelwa.
6. Izikolo zivalwa ngoLwesithathu ziyovulwa emva kwePasika.
7. Utyelelo kwiintolongo lunqunyanyisiwe into engangenyanga.