Liphondo leembedlenge eli!

ULUDWE olungenasiphelo lwabo barhola inkamnkam nengxinano engenambaliso kwiivenkile zokutya.

Le yindlela iMpuma Koloni ebayiyo rhoqo xa kuphela inyanga, apho uthotho lwabantu luthi lwenze uludwe lufuna inkamnkam.

Ithetha noonondaba eBhisho kwiveki ephelileyo, iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ithe: “Le yinxalenye yokulwa nendlala kubantu bakuthi. Siyayazi into yokuba uthi ufika umhla wokuqala kube kunzima nokunyamezela kubantu bakuthi, kuba baxhomekeke kule nkamnkam ukuze baphile.”

Kolu ludwe lwenkamnkam abona bantu baninzi, okanye abaxhamlayo, ngabantu abatsha.

Lubalelwa kumakhulu asixhenxe ananye ekhulwini (71%) ulutsha lwaseMpuma Koloni oluxhamla kwimali yesibonelelo sikarhulumente, into ethetha ukuba yimbinana nje yabantu abalupheleyo abaxhamla kwindodla xa kuthelekiswa nolutsha lwephondo.

Abantu baseMpuma Koloni, abadala nabancinane, abaxhamla kwisibonelelo sikarhulumente bakwisigidi esinamakhulu alithoba (1.9 million).

AbeArhente yoKhuselo lweNtlalo yoLuntu, eyaziwa njengoSASSA, bachitha imali ekwiibhiliyoni ezintathu zeerandi (R3 billion) rhoqo ngenyanga ukuhlawula indodla yabantu baseMpuma Koloni.

Ethetha eMonti nyakenye uLindiwe Zulu, uMphathiswa woPhuhliso loLuntu, wavakalisa ukuba: “Asilosebe lentlalakahle, silisebe lophuhliso loluntu, ngoko ke kufuneka sikhokelise ukunika isidima kubantu bakuthi ukuze bakwazi ukuzenzela izinto ngokunokwabo.”

“Ayisiphathi kakuhle eyokubona amanani aphezulu wabantu abatsha baseMpuma Koloni bengabaxhamli besibonelelo sendodla. Amashumi asixhenxe ananye ekhulwini (71%) yabantu abaxhamla indodla eMpuma Koloni ngabantu abatsha.

“Le nto ithetha ukuba ikhona into engahambi ngendlela. Le mali yendodla ibifanele ukuba iya kubantu abadala kwanakwiintshukumo zokukhuthaza ezoshishino kubantu abatsha,” watsho uZulu.

UZulu waveza ukuba oku kufuna ungenelelo. “Yintoni ke ngoku ekufanele ukuba siyayenza ukukhuthaza abantu abatsha ekubeni bayisuse le ngcingane yokufumana abantwana besebatsha babe bengakulungelanga ukuba ngoomama?

“Sifike njani kule meko? Kuba apha sithetha ngabantu abatsha ebekufanele ukuba basemisebenzini okanye baseyunivesithi.”

sithandiwe.velaphi@inl.co.za