Ukunyevulelwa kovingco yingozi kuthi

Njengoko urhulumente esenza iinzame zokulwisana nosasazeko lwentsholongwana yekhorona, kulusizi ukubona uninzi lwabantu luyinyevulela le migudu.

Kwiilali neelokishi ezininzi ubomi buqhuba okwesiqhelo, abantwana badlala imidlalo yesiqhelo, bambi baqhuba imicimbi ebangela ukuba kungungelwane ndawonye nangona bexelelwe ukuba le ntsholongwane ikhawuleza inwenwe xa abantu besondelene, oku kuchaphazela imingcwabo nemitshato.

Sibambe ongezantsi xa sisiva ukuba kukho abantu abathe ngobutyhakala bokucinga bolusa amakhwenkwe. Yingozi embi le kwaye ibinqandiwe lisebe lezempilo kuba ibeka ubomi babantwana esichengeni.

Okunye okuthibaza le mizamo karhulumente kukusasazwa kweendaba ezingamampunge malunga nohlolo lwesi sifo oluqhutywayo kungokunje. Enye indoda eMlazi naKwaMashu ithumele umyalezo olumkisa abantu ngobungozi bolu hlolo esithi lulo elungosulela abantu.

Ukanti eKapa, indoda eyenze ividiyo enale nkohliso ijulwe emjiva emva kokuba amapolisa enze uphando ade ayifumana ukuba ingubani. Iingxelo ezingamampunge ezayamanisa intsholongwane yekhorona nobuxhakaxhaka beteknoloji ye 5G nazo zithe ndii nangona kungekho bungqina bukhatshwa luphando lweengcali ngokuphathelene noku.

Bonke abafunyenwe behambisa ubuxoki ngale ntsholongwane baza kubanjwa babekwe izityholo zokujikelezisa amahum-hum anobungozi. Siyaqonda ke awungethandi ukuba ngomnye wabo.

Okunye sibone izehlo ezihambisa umzimba kwimpelaveki esiphuma kuyo nalapho iindlobongela zithe zaqhekeza imizi yentengisotywala zizithathele utywala ngendlovu. UMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele akatshayi ngaloo nqawa, uvutha amalangatye ufuna abophulimthetho ngaphaya kwezitshixo ekwathembisa ngokumisela imithetho engqwabalala ngakumbi ngokuphathelele ukuthengiswa kobhelu lomsele.

Iphulo lokuhlala emakhayeni lenzelwe ukulungelwa kwethu ngoko niyacelwa ukuba nilithozamele. Amashishini ayabetheka ngeli xesha, abasebenzi njengathi aba siyabetheka ngenxa yocuthomivuzo ngeli thuba.

Lo nto ayithi masinyevulele oko urhulumente akutshoyo koko masenze oko akutshoyo. Xa amazwe aphucukileyo afana neItali, Amerika, Britane ecunyuzwa yile ntsholongwane, kobekela phi kuthi?

Lisakugqitha eli xesha siza kuyibona ingqiqo ekhokelele urhulumente ukuba athathe la manyathelo. Masinyamezele sisuka kwiinzima ezingaphezu kwale.