Umtyhi kulwaphulomthetho ngexesha leLockdown

Nangona nje uninzi lwabantu sele lukruqukile zezi ntsuku zingamashumi amabini ananye ngenxa yokuvaleleka emakhaya kuba kunqandwa ukunwenwa kwentsholongwane yekhorona, oku kwelinye icala kwenze umahluko omkhulu ekwehleni kwezinga lolwaphulomthetho eMzantsi Afrika.

Oku kudizwe nguMphathiswa wesiPolisa kuzwelonke uNjengele Bheki Cele.

Ezi nkcukacha zolwaphulomthetho zika2019/2020 zidizwe ngeCawa ePitoli.

Kulindeleke ukuba ezi nkcukacha zinatyiswe kakuhle nguMphathiswa uCele ePalamente xa izinto zibuyele esiqhelweni kweli.

Omnye woonobangela wokwehla kweziganeko zolwaphulomthetho ngeli xesha lokuvalwa kweentshukumo kukungathengiswa kotywala.

UMphathiswa xa ebethelekisa iveki yokuqala sikuvalo lweentshukumo ku2020 naxa ujonga ku2019 ngaxeshanye, uye wadiza ukuba iziganeko zokubulawa kwabantu zehlile ukuya ku94 zisuka ku326, ezokudlwengula ziku101 zisuka ku699.

Kumatyala okuxhaphaza, obekuku-2 673 kuhleli kwi456. Kumatyala afana nokuxhonyiswa kwanokuphangwa kweemoto, amashishini kwakunye namakhaya ehlile aku2 098 esuka ku8 853.

Ukanti uCele ukwadize ukuba kumatyala okuxhatshazwa kwamanina (GBV) akukho tshintsho koko amanani aye esonyukela kwaye oko kuyaxhalabisa.

Ingapha ko-2 300 iminxeba ebhalisiweyo ukusukela ngosuku lokuqala kuvalwa ilizwe kwinyanga ephelileyo.

UCele ucele ukuba izenzo zeGBV zikhawuleze zithathelwe ingqalelo kuba ziyaxhalabisa.

Isithethi samaPolisa uBrigadier Mothapelo Peters uthi uMphathiswa ukwamkele oku kwehla kwamanani nokwehla kwezikhalazo ngakumapolisa.

UMphathiswa uthi ulindele inzolo kule veki ukubheka phambili njengoko iveki yokurhola kwabantu imali yesibonelelo sikaRhulumente iphelile. Uthi ulindele uluntu ngaphakathi emakhaya.