UMabuyane ungenelele kundabamlonyeni weMioca Lodge yaseCala

Umfanekiso wendawo yokulala weMioca Lodge

INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ukuhlehlisile ukuhlaliswa kumzi weendwendwe wentombi kaMphathiswa wezoThutho nezoKhuseleko ephondweni uWeziwe Tikana-Gxothiwe, kwabantu abachatshazelwe yintsholongwane yeKhorona.


Oku kuza emva kwesankxwe kumaqonga onxibelelwano abantu begxeka isigqibo sokuthathwa kwabantu abalishumi elinesine abachaphazeleke yintsholongwane yeKhorona bayokuhlaliswa bucala kumzi weendwendwe iMioca eCala olawulwa yintombi kaTikana-Gxothiwe.  

UTikana-Gxothiwe uthe akananto yakwenza nolawulo lweMioca Lodge, watsho esithi uqale ukuva ngesigqibo sokuhlaliswa bucala kwabantu kula ndawo kumaqonga ezonxibelelwano.

Isithethi sikaTikana-Gxothiwe, u-Unathi Binqose, uthi lo Mphathiswa ebengenalwazi nangamalungiselelo okuhlaliswa kwaba bantu.

Inkokheli yeUDM uBantu Holomisa ubhale kuFacebook wakhe esithi “bubuqhophololo” obu.

“Amaqabane obuqhophololo ayaphinda kwakhona. Nkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni ngenenelela kobu buqhophololo. UGxothiwe makagxothwe,” utshilo uHolomisa.

UMabuyane uthi uyalele amasebe, elezeMpilo neleMisebenzi yoLuntu ukuba bakhangele ndawo yimbi, iyekwe iMioca Lodge.

“Ukuhlaliswa kwaba bantu eMioca BnB kuhlehlisiwe ngurhulumente wephondo.

 Esi sigqibo linyathelo elililo likarhulumente lokuqinisekisa ukuba wonke umsebenzi owenziwa ngurhulumente awunachaphaza namathandabuzo,” utshilo uMabuyane.