Batyholwa ngokubulala ititshala amadoda aseZimbabwe

Inqwelomafutha kaMaqhina kwindawo abhubhele kuyo

AMADODA amabini aseZimbabwe atyholwa ngokubulala utitshala uKhayalethu Maqhina (55) waseVaalbank eCacadu aza kuzithethelela kuMantyi ngoLwesine weveki ezayo.


Inkosikazi yomfi, uNosipho Maqhina (50), ubanjwe nje emva kokuvakala kweengxelo zokubhubha komyeni wakhe waza wadiza ukuba oku ukwenze ngoncedo lwamadoda aseZimbabwe. 


Ingxelo yamapolisa aseCacadu ithi la madoda abanjwe emva kokuba kufunyenwe imoto kaMaqhina ijinga eliweni, umzimba wakhe usecaleni kwawo.


UMaqhina uduke emva kwemini ngoLwesihlanu wePasika etyelela inkosikazi yakhe ebengasahlali kunye nayo.


Othethe egameni lamapolisa kuKomani uKapteni Namhla Mdleleni ukungqinile ukuba ngenene sibanjiwe esi sithathu.


 “Amapolisa abambe abantu abathathu abaquka inkosikazi yomntu obhubhileyo eSwartwater, bonke baseseluvalelweni, sele bevelile enkundleni,” kutsho uMdleleni.

 

Othethe egameni losapho, uLuvuyo Moyi, uthi belusapho basentlungwini kukushiywa nguninalume. 

“Kunzima kakhulu ingakumbi kubantwana bakhe abathandathu abebemthanda kakhulu utata wabo, kunzima kodwa sinyamezele,” kutsho uMoyi.

Amapolisa athi aba batyholwa baza kuvela eNkundleni kaMantyi eCacadu kwakho kwiveki ezayo. 

“Ngomhla wamashumi amabini anesithathu kule nyanga baza kuphinda bavele enkundleni abatyholwa,” kutsho uMdleleni.

Utitshala uMaqhina ebengumhlohli kwesinye sezikolo ezidala zamantombazana iMount Arthur Girls, kuBangindlala kwaseCacadu.

 

Abatyholwa bakwabonise amapolisa indawo ebebelahle kuyo izembe elisetyenziswe ukubulala uMaqhina.

Kukho iingxelo ezingaqinisekiswanga zokuba enye yala madoda aseZimbabwe ithandana nenkosikazi kaMaqhina obuleweyo.