Nurkovic: Yithobeleni imithetho yezempilo ngelithuba leKhorona

Samir Nurkovic of Kaizer Chiefs celebrates goal during the Absa Premiership 2019/20 match between Kaizer Chiefs and Cape Town City at the FNB Stadium, Johannesburg on the 12 January 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ifolosi
yeKaizer Chiefs, uSamir Nurkovic, ithi abantu mabayithobele imithetho yezempilo
ngelithuba lesifo esingubhubhane ekuthiwa yikhorona kwaye ngeke ihlale
ngonaphakade. UNurkovic uphokoze imbilini yakhe ngendlela azenza ngayo izinto
ngelithuba kwikhasi lomnatha leChiefs. Imidlalo ye-Absa Premier Soccer League
yanqunyanyiswa kwinyanga ephelileyo emva kokwanda kwabantu abosulelwe yikhorona
eMzantsi Afrika. Ukuhlala nokuzilolongela endlini zezinye zezinto uNurkovic
athi bezimnzimele – kodwa uthi akufani ngoba nabantu bakowabo ekhaya baphilile.
“Bekunzima kakhulu ekuqaleni. Kuye kwanyanzeleka ndiziqhelise ukuzilolongela
ekhaya. Bendisoloko ndinexhala ngokosuleleka kwabantu basekhaya nendlela ubomi
bethu obuza kuchaphazeleka ngayo. Akufani kodwa ngoku, ndizamile ukuziqhelanisa
neemeko. Kubalulekile ukuqinisekisa okokuba ndizigcina ndomelele
ngokwasemzimbeni ngoba kunyanzelekile somelele xa kuvulwa ithuba lemidlalo
kwakhona,” utshilo uNurkovic kwiChiefs.com.

Le ndedeba
yaseSerbia igaleleke eMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo. Ithandwa kakhulu
ngabalandeli bebhola ngoba iyakwazi ukufaka amagowuli. Njengokuba
kunqunyanyiswe imidlalo Amakhosi esahleli phezulu, uNurkovic sele efake amagowuli
alishumi elinanye. “Ndisoloko ndilandela iindaba ngoba ndifuna ukuva okwenzeka
ekhaya (eYurophu). Kuhle ngoba bonke baphilile futhi bakhuselekile. Noxa
isibambezele le nto yenzekayo – kodwa ngeke ihlale ngonaphakade ikhorona.
Abantu mababe nomonde ngelithuba lokunqunyanyiswa kweenkonzo neentshukumo
zoluntu. Khumbulani, into eyenziwayo ibalulekile ngoba impilo yethu ihamba phambili.
Ndifuna ukunibona nonke ebaleni yakugqitha le nto,” utshilo uNurkovic. Amakhosi
sele eqokelele amashumi amane anesibhozo amanqaku emidlalweni engamashumi
amabini anesibini. Emva kwawo kukho iMamelodi Sundowns efuthela emagxeni
eseneenjongo zokukhusela indebe yayo eyiphumelele kunyaka ophelileyo.