Nqandani ishwangusha!

Ndivumeleni zidwesha zakuthi nam ndaleke kuluvo lwabaninzi, kodwa ndingagqibi. Iindaba zomhla we-11 kuTshazimpuzi zindothusile kwaye ndiphantse ukuwa phantsi ngenxa yazo.

Inene bekusele kumbovu ndife isiqaqa. Isothuso endithetha ngaso seso sengxelo ezingeentshukumo zabomthetho, abakwantsasana abebezama ukulawula amakhaya angalisabelanga ikhwelo likamongameli lokuba kuncitshiswe iindibano zoluntu.

Ngokwengxelo kuvakala ukuba nangona bekucaciswe kakuhle ukuba nayiphi na imisebenzi eza kubandakanya iqela labantu, kuquka imingcwabo, izisusa neenkonzo zakwaLizwi, kumele zimiswe kude kubonakale ukulawuleka kwesifo esigqugqisayo.

Oku bekugunyaziswa kuba kuqapheleke ukuba esi sifo seKholona sisasazeka lula xa abantu begxalathelene bahlangana ndawonye.

Okuvakalayo ke kukuba amakhaya aliqela kweli leMpuma Kapa, ebesele enze izicwangciso zemisebenzi nezisusa, kangangokuba lithe lifika ilizwi likamongameli uMatamela, yabe loo misebenzi sele iqalisiwe kwaye iqhutywa. Kubantu abaninzi kukho ukungaqondi nangona beqonda.

Abagxeki nabagwebi beentsapho ezichithelwe inyama yesisusa notywala bemisebenzi yesizathu, kubekho nto bangayiqondanga. Nam ke phofu ukuba bendingazi kwaye ndingafumenanga lwazi luchanekileyo kumanye wamalungu ezi ntsapho zehlelwe leli lishwa, bendiya kuzikhalazela iintsapho ngelithi, “tshotsho, bekutheni ze bangahloniphi ilizwi lombuso.”

Kubalulekile ke kodwa ukuzifundisa ukungagxeki, ungagwebi kwaye unganyembi mntu nanto ungakhange uqondisise ngoko kwenzekileyo. Ngamanye amazwi, ndithi kuyo nantoni na ojongene nayo, qala uqonde!

Ndiqale ke ndasabela kumalungu eentsapho ezehlelwe yile meko, kuquka nabamelwane baloo mizi, kuba kaloku isiko kumzi kantu, alamkeleki kwaye aliphumeleli lingakhange lixhaswe kwaye lizinyaswe ngabo bamelene nabo baninimzi basingathe umsebenzi lowo.

Ngokwenkcazo yenxenye ebendincokola nayo, kubekho uluvo oluvakala kabuhlungu ezindlebeni zam, uluvo lokuba umthetho wabasemagunyeni bebengenakuze bangawuthobeli, enye yeengxaki ibe kukuba imisebenzi ebisenziwa bekuya kuba nzima ukuyijika sele ibhungelwe, yatshayelelwa kwaze kwabekwa neentsuku zokusingathwa nokwenziwa kwayo. Ndibuzile ukuba ingaba bekuya kubakho ingxaki na xa kukhutshwa ilizwi ziinkokheli zamakhaya, lizwi elo liya emaxhantini kumanyange neminyanya yomzi, kungxengxezwe ngelithi imisebenzi ayisayi kuqhubeka ngenxa yentsindabadala yesifo esigqugqisayo kwilizwe nehlabathi?

Bavumile besithi elo lizwi beliya kusebenza, kuba kakade iminyanya yomzi ontsundu, akukho nto ayihloniphe ngaphezu kwelizwi. Kwantu kungade kungabikho kutya nantselo, ukuba ilizwi liphumile, kwaye liphume ngendili nesithozela, elo lizwi liyamkeleka kwaye lihlonitshwe.

Baleke ngelithi, ingxaki, utywala bebusele busilwe bade bahluzwa, ngoko ke bebungasayi kujikwa lula. Baphinda bathi inkomo ibisele ikhonjiwe, yahlatywa kananjalo, ngoko ke bekuya kuba nzima ukujika sekungeniwe endimeni, kuba ibiya kuba ziindleko ezinkulu noko.

Kuthe xa kuvakala oku, ndazibuza imibuzo ethi inokuba bethu bekuya kuba njani ukuba xa efika amapolisa ebenokubonisana nosapho, kuvunyelwane ngelithi makuphungulwe amanani abantu bosapho aza kuba sentlombeni ukuze kuqinisekiswe ngokungasuleleki sisifo?

Mhlawumbi ibiya kubakho ingxaki xa abantu besahlulwa ngokwamabakala, ibakala okanye ikhaba lihlale lodwa, kuqelelwene, mhlawumbi iinkokheli neenkokhelikazi zekhaya ibe zizo ezikwinqugwala okanye indlu enkulu nasebuhlanti, uqhube umsebenzi kungakhange kuchithwe tywala nanyama?

Kaloku sazi sonke ukuba xa imilondekhaya ibikhwaziwe, yaziswa ngomsebenzi, ibisele ikunye nobo tywala naloo mpahla ibikhethiwe, ukutsho ukuthi xa kuchithwa izinto zomsebenzi, ndinovakalelo olukum ngaphakathi oluthi bekuchithwa nabaninimzi abangasekhoyo nabasezayo. Ndisithandile isikrwaluxa somzi kaXhosa ubawo uLoyiso Mawawa Nqevu, xa ebevakalisa uluvo lwakhe kuMhlobo Wenene ngalo mba, uthethe wenjenje: “kubonakele kulihlazo ukuphazamisa umsebenzi wabantu, kude kuchithwe nezinto zomsebenzi, bekuya kuba kuhle xa bekubonisenwe kwathethwa nekhaya ukuze liqoshelise umsebenzi.”

Ubawo uMawawa, akagxeki kuphela, koko uza nesisombululo esibonisa ebekumele kwenziwe ukuze kungakhathazeki mntu, namapolisa angazithatheli ishwangusha ngokunyathela kabuhlungu umzi neminyanya yawo.

Kwelinye icala ke, amapolisa ngabantu, ngabantwana bethu, kwaye nabani na uyaphazama. Ndiqinisekile ukuba la mapolisa njengabantu, anaso nesazela, aza kuyicingisisa yonke le meko, avume ngelithi ebelandela okugunyaziswa ngumsebenzi wawo, into kunayo kwaphela kusenzeka nokunokubangela ishwangusha.

Malinqandwe ke eli shwangusha ngokuthi xa ithuba livuma, amapolisa aye kweza ntsapho acele uxolo, angxengxeze, kunjalo nje nawo kuba ezalwa ngabantu, angxenxeze nakumawawo, ukuze nokuba esi senzo besinokuza neshwangusha, elo shwangusha linqandeke.