Ubuye ngeLockdown ‘owangcwatywa’ ngo2018

“Wasweleka ngengozi yemoto” kweyeSilimela 2018 ze “wangcwatywa” kweyeThupha 2018, kodwa kweli xesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni ubuyele kowabo eMdantsane.

Lowo nguZolile Ngesi wakwa-N.U.17 eMdantsane. UZolile ungumntu ophazamisekileyo engqondweni.

Ngethuba “lokusweleka” kwakhe wayengahlali kowabo, wayehlala ezitalatweni.

Ngokwengxelo yosapho, kwavakala ukuba uZolile “uswelekile” ze usapho lwaqala ukumkhangela.

“Kwakuthiwe utshayiswe eZiphunzana, emva koko sayokufanisa umzimba kwimoshwari karhulumente eMdantsane kweyeThupha 2018 wabe yena ebhubhe kweyeSilimela 2018.

“Mna zange ndiwufanise umzimba kuba ndandiqhwalela. Ubhuti wam nguye owamfanisayo wabe nomzimba wakhe sele emoshekile,” kutsho uChristine Yaliwe Ngesi, ongumzala kuZolile.

Ngokweenkcukacha uZolile wabhubha ngomhla wesithoba kweyeSilimela 2018 ze wangcwatywa kweyeThupha 2018.

Phambi kokuba angcwatywe uZolile abantu abamaziyo bakwa-N.U.15 bayokuxelela usapho lakwaNgesi ukuba uyabonwa edolophini eMonti uZolile.

Omnye wabo bantu nguLuleka Qwabi. “Kwavakala ukuba uswelekile uZolile kodwa abafana balapha ekuhlaleni bathi bayambona nditsho naphambi kokuba angcwatywe.

“Sabona ukuba masiye kula mzi kuza kungcwatywa kuwo siyobaxelela ukuba uyabonwa edolophini uZolile. Usapho lwakhe aluzange lusimamele kakuhle, sayeka ke. Ngenene isingcwabo saqhuba,” kutsho uQwabi.

Isithethi samapolisa uBrigadiya Thembinkosi Kinana uthi uphando “ngokubhubha nokungcwatywa” kukaZolile luyaqhuba.

“Ukusukela oko wabikwa kuthi lo mcimbi ngomhla wesine kuTshazimpuzi 2020, uncedo luye lwanikwa kwabo bebebikile. Amapolisa aseNyibiba alivulile idokethi lophando,” utshilo uKinana.

UChristine uthe: “Umngcwabo wawumkhulu samngcwabela kwa-N.U. 15. Ndifuna ide iphele le nto kuyokugrunjwa nala mntu wangcwatywayo phaya.”

“Oko kwakuthiwa uyabonwa. Iqhelekile into yokuba umntu kuthwa uyabonwa xa esandula kungcwatywa,” kutsho uChristine.