Kondliwe abahlelelekileyo ngeR16 000 yePasika

INKONZO yamaWisile kwimishini iMbandana, ngaseFort Donald, eMbizana, ithi iphulo layo lokuthengela ukutya abo bahlelelekileyo liyenze yabona nangakumbi iingxaki ezijamelene noluntu ekuhlaleni.

Le mishini, nekhokelwa nguMfundisi Ntobeko Dlamini, ichithe imali engangeR16 000 ebiyiqokelele ukubamba iPasika, yathengela ukutya iintsapho ezilishumi elinesibhozo zakwilali yakwaNtshangase.

Kodwa bathe bakusa ukutya kwezi ntsapho, babona nangakumbi iinzingo zabantu abalambileyo.

Iinkonzo azikwazanga kubamba iPasika kulo nyaka kulandela ukuvalwa kweentshukumo nokuhambahamba kwabantu elizweni ngenxa yentsholongwane yeKhorona.

“Sichithe imali engangeR16 000 sathengela ukutya iintsapho ezilishumi elinesibhozo. Ngenxa yokuba singakhange sikwazi ukubamba iPasika, sigqibe kwelokusebenzisa le mali ukolula isandla sifikelele kwabo bantu bakwimfuno,” utshilo uDlamini.

“Ndathetha noceba wendawo ndeva ukuba abantu abangaphaya kwekhulu kule ndawo bakuluhlu olulinde iipasele zokutya.

Sagqiba kwelokuba masenze into logama abantu besalinde kurhulumente,” kutsho uDlamini.

Lo Mfundisi uthi baqaphele ukuba zixananazile iingxaki zoluntu ekuhlaleni.

“Ngethuba sisisa ezi pasele zokutya eluntwini siqaphele ukuba imfuno ininzi. Ngenxa yoku ndiye ndaseka iphulo lokondla abahlelelekileyo ngeli thuba lokuvalwa kweentshukumo elizweni, esilibiza ‘Lockdown Food Security Outreach’,” kutsho uDlamini.

UDlamini uthi amarhamente, kuquka nabantu abangengawo amalungu ale nkonzo, asabele kweli phulo.

“Abantu bathe gqolo ukuzisa ukutya apha etyalikeni ze mna ndikuse ebantwini abakwimfuno mihla le. Ukufikelela eluntwini kundenze ndazibona iimeko ezinzima abaphila kuzo abantu bethu.

“Ndiqaphele ukuba kukho imizi engenabazali kule ndawo. Abantu bahlwempuzekile futhi balambile.

Ndiphantse ndakhala xa bendiyokunika ukutya olunye usapho apho kungekho bazali, apho baye bavula umgubo bawupheka phambi kwam kuba bebengenanto yokutya.”

Omnye wabo baxhamle kwiipasele zokutya umam’ uPrincess Dlawu uthe: “Isincede kakhulu kuba besingenakutya apha endlini. Ndiyambulela uThixo ngento esiyenzelwe ngamaWisile.”