Kukhululwa amabanjwa ngenxa yeCOVID!

Ngamawaka alishumi elinethoba amabanjwa aza kukhululwa Umfanekiso : Anastasya Eliseeva

Njengoko inani lamabanjwa osulelwa yikhorona lisanda, urhulumente ukhangeleka esabela kwisankxwe sokuba amanye mawaphungulwe kwizisele eziphuphumayo ngawo.

Emva kokuba imibutho ethile ithe yakrweca urhulumente ngeembono zokukhululwa kwamabanjwa , uMongameli Cyril Ramaphosa uye wanqwala intloko evumela ukuba amabanjwa angama19000 akuluhlu lwalawo angenabungozi angakhutshwa ngelokulwa ukunwenwa kwentsholongwane yekhorona.

Ngethuba sishicilela eli nqaku, ibingamakhulu amabini aneshumi elinesithathu (213) lamabanjwa athe osuleleka yile ntsholongwane kwiintolongo zeli, ibe ngamagosa alikhulu mashumi mabini anane athe osuleleka.

Sele kusweleke amabanjwa amabini kwakunye negosa elinye kungoku nje. Ngethuba iCovid-19 iqhambuka eziseleni, iSebe lezoLuleko labopha amabande lisenza unakonako wokunqanda ukunwenwa kwayo, kodwa imibutho ezimeleyo yakugxeka oku, ibonisa ukuba akuyi kubalula ukugcina amabanjwa eqelelene njengoko izisele ziphuphuma ngokugqithisileyo.

Le mibutho yacela ukuba kukhululwe amabanjwa angenaburhalarhume bungako. Othethela iSebe leJust Detention International kweli, uPrince Nare, umbutho ojongene nokupheliswa kokuntlontana ngokwesini ezintolongweni, uthi urhulumente kumele akhulule ngokukhawuleza abo banezigulo, abadala, nabo babanjelwa amatyala afana nokuphula imiqathango yengqawule, nabo bangakwazanga ukuhlawula izohlwayo zebheyile.

UZia Wasserman omele iSonke Gender Justice uvumelana noNare ngelithi urhulumente makakhulule amabanjwa akolo luhlu ukuze kuphungulwe amanani ezintolongweni.

“Lo ngumyalezo oxhaswa yimibutho elwela amalungelo oluntu ehlabathini jikelele kwaye uxhaswa nayiWorld Health Organisation (WHO) kwakunye nombutho weZizwe eziManyeneyo kwaye kwamanye amazwe sele ekhululwe amabanjwa,” uWasserman uqhabalake wenjenjalo. Ngomhla wesibhozo kwekaCanzibe, emva kwesibhengezo sikaMongameli Ramaphosa , uMphathiswa wezoBulungisa noLuleko uRonald Lamola ungqinile ukuba isebe lakhe liphantsi koxinizelelo olukhulu ekulweni nesi sifo.

“Okwangoku iinzame nezicwangciso zethu zokulwa neCovid-19 ziyabethakala kodwa sizama konke okusemandleni. Kumele senze isigqibo esiqinisekileyo ukuze sikwazi ukudodobalisa le ntsholongwane ukuze inganwenwi ngesantya esiphezulu kumaziko ethu,” utshilo uMphathiswa.

ULamola uthe isigqibo sikaMongameli sokukhulula amabanjwa sikhuthazwe luluvo lweWHO neofisi yoMkomishinala wamalungelo oluntu kwiZizwe eziManyeneyo uMichelle Bachelet.

Kwimiyalelo ekhutshwe yiWHO, ibekwe ngokucacileyo into yokuba abo bangaphaya kwezitshixo kumele bakhuselwe kule ntsholongwane. ULamola uthi kuza kulandelwa inkqubo yesiqhelo xa kunikwa la mabanjwa ingqawule. Ibhodi yengqawule iza kulandela umyalelo kaMongameli kwaye abo babanjelwe ukudlwengula, ukudlwengula abantwana, ukubulala nezinye izigwebo eziqatha, abasayi kuba nathuba lakuphuma ngale nyoba.

– Eli nqaku belipapashwe yiNewframe.com