“Awunguye unyana wam wesende”

Ukumkani UBuyelekhaya Dalindyebo ephahlwe ziinkosi kunye nonyanawakhe uAzenathi Dalindyebo komkhulu eBumbane kwintlanganiso yabathembu. umfanekiso: Michael Pinyana
IKUMKANI yabaThembu uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo wothuse uninzi ngethuba evakalisa ukuba unyana wakhe uAzenathi asingomntwana wakhe ngokokuzalwa.

UDalindyebo, nesele ilithuba engaboni ngasonye noAzenathi, ubhalele uAzenathi imbalelwano emxelela ukuba asinguye unyana wakhe.

“Kudala ndikulindile kangangokuba ndikuncamile ke ngoku.
Khumbula ukuba wafika apha uhamba noMaDlamini nesigqeba saMaDlomo ngentseni yomhla wokuphuma kwam ejele.

“Ndathi ke xa ndikujika ndicela ubuye wedwa ukuze sithethe sobabini, xa kungoku ndibona ukuba ayinokubuya yenzeke lo nto,” kubhale uDalindyebo.

“Ndithi ke mfo wam mandikuxelele ukuba awunguye unyana wam wesende, ndingenguye nam uyihlo. Ngamanye amagama andinguye utata wakho, nawe awunguye unyana wam, awunguye noDlomo.

“Ndicela ke mntwana womntu uthi uba uyakrokra uye kwiDNA Test nam ndizimisele uba yinxalenye yalo mgama,” utshilo uDalindyebo.

Kodwa othethela uAzenathi, uThandisizwe Mtirara, ukuphikisile okuthethwa yiKumkani.

“Nokuba sasingalayitanga sibane ngokuya wayelele noNokholeji (umama kaAzenathi), singakuvakalisa ngokungenamathandabuzo ukuba ayikho le nto ithethwa nguZwelibanzi. UZanelizwe (Azenathi) ngumceph’ ucandiwe kaZwelibanzi.

“Iyasothusa le nto ayithethayo futhi thina siyibona njengehlazo. Lihlazo kubaThembu bonke le nto ithethwa nguZwelibanzi,” utshilo uMtirara.

UMtirara uthi abanaloyiko bangamsa kolo vavanyo lwencindi yofuzo uAzenathi.

UDalindyebo uthi uzimisele ukumxelela ukuba ngubani utata wakhe uAzenathi.

“Ndicela uze kum ndikuxelele ukuba ngubani na uyihlo, utata wakho ke ukutsho. Ngalo mazwi ndiyakucela uphume uphele eBumbane, uhlukane nezinto zam nezinto zomzi wam.

“Andingeni ndawo kwimfuyo yakho nezinto zakho eziseBumbane, ndicela uzithathe uphume uphele pha. Le nyanga uMeyi iphele ungekho pha.

“Uthethathethwano phakathi kwam nawe unga lungakho usakuphuma eBumbane.

“Ndicela ukugqibezela ngokukhumbuza ukuba uhlukane nokuzigqatsela ukundibambela nanjengoko umgqakhwe ungenalungelo labango.

“Ubunganga bakho bundothusile kodwa abundoyikisi kwaphela, imbeko yakho indihlazisile. Ndiyakuhlamba ngolu hlobo
Ndiyazikhwebula kuwe ngayo yonke into.
Nawe phuma kum naserumini yam,” utshilo uDalindyebo kwimbalelwano.

Imbalelwano kaDalindyebo ingqiniwe sisithethi sakhe uMthunzi Ngonyama.