Akhululiwe amagqirha kodwa phantsi ngeentlombe

Emva kokuba uCyril Ramaphosa wabhengeza ukuba ilizwe liza kuvala iintshukumo into engangeentsuku ezingamashumi amabini ananye, kodwa iivenkile ezithengisa amayeza esilungu zona ziza kuqhubekeka, amagqirha, amaxhwele aye avalelwa ngaphandle kweso sibhengezo.

Kodwa ngoku anoncumo novuyo amagqirha kuba isebe lezeMpilo kuZwelonke liwanike ithuba lokuba athabathe inxaxheba nawo asebenze ekuncediseni urhulumente ukulwa le ntsholongwane yekhorona.

Ukuvalelwa kwawo amagqirha ekubeni angenzi zintshukumo oko kwaye kwenza isankxwe kwabaninzi besithi mhlawumbi ingangawo amagqirha anokuthi avele nechiza elinokulwa esi sifo.

USihlalo woMbutho wamaGqirha ePhondweni, uLulama Mpahla, nokwaphuma kwi-Ithongo Institute of Traditional Healers, uthi beliphondo basamkele esi sigqibo siphinde sathatyathwa lisebe esokuba ide iqwalaseleke indima yabo abanokuthi bayidlale ngeli xesha libi, apho uMzantsi ujongene notshaba olungabonwayo.

UMpahla uthi banikwe imiqathango emininzi lisebe ekufuneka beyilandele xa sele besebenza nathi baza kuqinisekisa ukuba iyalandelwa ngamagqirha.

Le miqathango iquka ukufundisa nokukhuthaza ukuhlanjwa kwezandla ngalo lonke ixesha, ukunxiba izikhuseli ezandleni nasemlonyeni nokuqelelana.

Okunye ngumba wokuba iintlombe zikhe zime zingenziwa, kwaye nemicimbi ingenziwa. UMpahla uthi bakwamkela nengcambu yoMhlonyane ethe nayo yaqwalaselwa ekubeni inganalo igalelo ekuncediseni nokulwa nale ntsholongwane.

UMpahla uthi baza kusebenzisana ngokungenamkhinqi nesebe, injongo ikukulwa ikhorona.