Iziphumo eNgqushwa: Abahlali 12 – Urhulumente 6

Iipasile zokutya ezithengwe ngabahlali emva kokusikwa yimfesane yabo bahlelelekileyo eNgqushwa UMFANEKISO: UTHUNYELWE

IMIDLALO ivaliwe ngenxa yentsholongwane yeKhorona, kodwa ungafunga uthi bekudlalwa ibhola ekhatywayo kwilali yaseWesley eNgqushwa phakathi kwabahlali norhulumente, indebe edlalelwayo izimfuno zabahlali.

Urhulumente wenze uluhlu lwabantu abathandathu baseWesley athi baza kuxhamla kwiipasile zokutya kweli xesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni, kodwa abahlali babone ukuba eli nani lincinane kakhulu ze baphosa esivivaneni kwathengelwa iintsapho ezilishumi elinesibini ukutya.

Ulutsha lwale ndawo lithe lakubona ukuba “luyakrokrisa” olu luhlu lwenziwe ngurhulumente, lwaqalisa ingxoxo kuWhatsApp. Ngokungqubanisa iintloko nabezoshishino, babethe imali ekwiR9 850 bathenga ukutya.

“Ngokujonga kuluhlu ebelutyunjwe nguSASSA, gabula Ceba, sithe sakujonga olo luhlu safumanisa ukuba luyakrokrisa noko masenze ingxoxo kuWhatsApp ze wonke umntu onomdla onento anayo agalele engxoweni,” kutsho omnye wabaququzeleli, uXola Tobi.

“Sikhethe abona bantu esibabonileyo ukuba ngabona badingayo xa uthelekisa nolu luhlu ebeluthunyelwe nguSASSA lwabantu abathandathu.

“Imali ibethwe ngoosomashishini, ulutsha oluphangelayo nolungaphangeliyo. Imali eqokelelweyo ibiyiR9 850. Sisaqhuba!” kutsho uTobi.

Omnye wabaxhamle kwesi sisa, uNokwanele Njongi (51), wenze umbulelo emva kokufumana le nkxaso ngokutya. Uthi oku kutya kuze ngexesha elibalulekileyo nanjengoko kuza kumnceda ukuba ondle usapho lwakhe ngeli xesha likaxakeka.

“Siyayivuyela le nkxaso ngokutya. Iza kwenza umahluko kubomi bethu. Ezi pasile zokutya zinokutya okuninzi okuza kubangela ukuba usapho (lakowethu) lubenokutya into engangenyanga,” utshilo uNjongi.

Omnye wabaququzeleli uAsanda Ncanywa, uthi badibene namabali alusizi kule lali. “Uninzi lwabantu abaphangeli, eminye imizi ayinabazali into eye inyanzele ukuba (abantwana) baye kwizihlobo bekhangela into abaza kuyitya. Abanye kunyanzeleka ukuba bazule elalini bekhangela ukutya, besophula imithetho yeLockdown.”