Masibaxabise, sibathande abongikazi

Kwingcwaba lakhe kukrolwe amazwi athi: “Apha kulele iqhawekazi laseAfrika esizidlayo ngalo, uvulindlela lomongikazi. Okholiweyo nonyanisekileyo. Indlezane yesizwe siphela. Ohlinitshwa zintlanga zonke. Uncuthu lwelizwi lakho liyakuhlala linkenteza ezindlebeni zethu”.

Lawo mazwi abhekiswa kowayesaziwa ngelokuba nguSister Dora Nginza. Bambi babembiza ngelokuba ngu “Mama waseNew Brighton” xa bemteketisa ngenxa yobundlezana bakhe nendlela ewayephatha abantu abahlelelekileyo ngayo.

Omnye owazibalulayo kweli khondo libalulekileyo yayinguCecilia Makiwane waseMdantsane owashiya udumo olungathethekiyo.

Phambi kwabo iqhajikazi uFlorence Nightingale wenza okuhle eluntwini laze igama lakhe layanyaniswa nobubele, uthando nentobeko engazange ibonwe ehlabathini. Lo kaNightingale ulibone ilanga ngomhla weshumi elinesibini kwekaCanzibe ngomnyaka ka1820. Nangoku imisebenzi yakhe ayilityalwa!

La maqhawekazi siwakhumbula kakhulu ngezenzo zawo ingakumbi xa ihlabathi lonke lintyumpantyumpeka kubhubhane wekhorona.

Eli xesha lifuna abasebenzi bonyango balulame kuba wonke umntu uxhalabile, eli xesha lifuna abasebenzi bonyango balumke kuba le ntsholongwane ithande ukuba ngumbulali otshatsheleyo.

Kuyo le veki bekubhiyozelwa usuku lwabongikazi nalapho isicelo nesingxengxezo ibisesokuba mabathwale uxanduva lokuqinisekisa ukuba isizwe sihlala sisempilweni. Kona abongikazi bahlala besisigculelo soluntu, mhlawumbi oku kubangwa ziingcwangu ezibangwa zingqaqambo kubaguli amaxhala ezalamane.

Olu suku lithuba lethu lokuba singxengxeze sixolise kubongikazi ngendlela esithi sibaphathe ngayo xa sijamelene neengxaki zempilo, simele sizithobe kubo kuba umsebenzi wabo awubinambulelo ngendlela esithi sibaphathe ngayo.

Abongikazi bagqalwa njengabantu abakrwada kodwa eneneni ibasithi abathi abaye babanukuneze bade baphume esimilweni.

Lo mlo wethu ngokunxamnye nekhorona uza kufuna sibambisane nabo, sibathande, sibaxabise kuba benza umsebenzi obeka ubomi bawo emngciphekweni.

Sithumela amazwi ovelwano kwiintsapho zabongikazi abafele edabini bambi benqunyulwa ubomi yile khorona.