Wenze umsebenzi omhle, uhambe kakuhle Dean Furman!

Dean Furman of Supersport United sprayed with champagne during the MTN8 2019 Final football match between Highlands Park and SuperSport United at Orlando Stadium on 05 October 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Emva
kweminyaka emihlanu edlala ibhola ekhatywayo kwi-Absa Premier Soccer League
yaseMzantsi Afrika, uDean Furman ugqibe kwelokuba azichithe iintente abuyele
eNgilane – apho wakhulela khona. Kwakusasa izolo, iSuperSport United ikhuphe
isibhengezo esithi uFurman ukhululwe ngokusesikweni. Ukukhululwa kwakhe akothusanga
ngoba ebesaziwa ukuba uza kuhamba xa kuphela isivumelwano sakhe sengqesho –
kodwa kuba isizini yePSL ingekasongwa, wonke umntu ebecinga ukuba iSuperSport
iza kumkhulula emva kokugqityezelwa kwayo. Ingqonyela yeSuperSport, uStanley Matthews,
ubulele umsebenzi kaFurman watsho emchaza njengomnye wabadlali abe bebaluleke
kakhulu kwiqela lakhe kwiminyaka emihlanu egqithileyo. 

         Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoor

“UFurman uza kuhlala
ekhunjulwa njengomnye wabadlali abathe banegalelo elibonakalayo kwimbali
yeSuperSport United eminyakeni emihlanu egqithileyo. Uya kuhlala ekhunjulwa
njengomnye weenkokeli zeqela ezenze umsebenzi ngokukhulu ukuzinikela. Simnqwenelela
okuhle kodwa,” utshilo uMatthews kwingxelo ebhaliweyo ekutshwe liqela kwikhasi
lonxibelelwano, uFacebook, izolo.

         Image may contain: 11 people, outdoor

Eminyakeni
emihlanu engumdlali weSuperSport, uDean Furman, udlale emidlalweni
yamagqibelakankqoyi esixhenxe. Kuloo midlalo, uphakamise iindebe izihlandlo ezine
zonke. Nangona uFurman wazalelwa kweli lizwe – kodwa wakhulela eNgilane. Abantu
baseMzantsi Afrika bamazi ngokudlalela kwakhe aBafana Bafana emva kokubonwa
edlalela iDoncaster Rovers. Ngenxa yokuzimisela kwakhe, uDean Furma (31),
ubuyela emaNgesini edlalele iqela lesizwe izihlandlo ezingamashumi amahlanu
anesithandathu kwaye udlale kwitumente ye-Afrika (Africa Cup of Nations) kabini. 

        Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoor

Ibhola yoMzantsi Afrika iza kushiyeka ihlwempuzekile ngenxa yokuhamba kwendoda
ezimiseleyo neyihloniphayo ibhola ekhatywayo njengaye. Oko wafika kweli lizwe,
uFurman zange walijongela phantsi eli lizwe futhi engazange wanyanzelisa
ukuphathwa ngendlela eyahlukileyo kwabanye nangelanga elinye. Wenze umsebenzi
omhle kakhulu, uhambe kakuhle Dean Furman!

        Image may contain: 9 people, outdoor