Bakhalazela uceba orhola indodla! 

Uceba wakwaWadi 10 eMalahleni uZoyisile Given Moshani UMFANEKISO: Emalahlenilm.gov.za

Abahlali bakwaWadi 10 kumasipala waseMalahleni bakhalazela uceba wabo orhola indodla yabakhubazekileyo, bekwathi uxhamlise umntwana wakhe kwiipasile zokutya.

Lo ceba, uZoyisile Given Moshani, akawaphikanga la mabango ngethuba ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

Abahlali bathi uMoshani akakhange ayisingathe ngendlela inyewe yeepasele zokutya ezikhutshwa ngurhulumente kweli xesha lentsholongwane yeKhorona.

“Uceba wethu ngumntu okhetha iphela emasini. Asijongeli phantsi inkubazeko yakhe, ingxaki yethu kukurhola kwakhe imali kabini kurhulumente omnye.

“Kwakufanele ukuba uyicimile imali yendodla yabakhubazekileyo xa efumene isikhundla kwamasipala. Ooceba ngabasebenzi kaloku,” kutsho umhlali wale wadi.

Lo mhlali ukwathi uMoshani uxhamlise umntwana wakhe kwiipasele zokutya, kodwa babe bekhona abantu “abakwimfuno emandla” eyodlula le yalo mntwana kaceba.

UMoshani uvumile ukuba uyayirhola indodla yabakhubazekileyo futhi lo nto akazange ayifihle kumasipala waseMalahleni.

“Ndalimala ngo1992. Ndiqale ukuba nguceba ngo2000. Andiyifihli eyokuba ndiyayirhola indodla yabakhubazekileyo kuba kaloku andingoceba wesigxina,” utshilo uMoshani.

Ngokwemiqathango karhulumente, ubani angayifumana indodla yabakhubazekileyo xa erhola ngaphantsi kweR78 120 ngonyaka, okanye iR6 510 ngenyanga, futhi engatshatanga. Otshatileyo, angayifumana indodla yabakhubazekileyo xa erhola ngaphantsi kweR156 240 ngonyaka okanye iR13 020 ngenyanga.

Okunye, ubani akakwazi ukuyifumana indodla yabakhubazekileyo xa engumntu ofumana inkathalelo kwiziko likarhulumente.

Ngokwemeko kaMoshani, yena uyakhathalelwa liziko likarhulumente kuba unayo imali yepenshini njengoceba kwanamanye amaqithiqithi okwenza umsebenzi.

Ukwanayo neinshorensi anokuhlawulwa yona ngumbuso xa kunokwenzeka okubi empilweni yakhe.

Oyena ceba, ongesosigxina, urhola imali encinane eMzantsi Afrika, urhola iR237 846 ngonyaka okanye iR19 820.50 ngenyanga (phambi kokutsalwa).

Ixesha elabelwe ooceba lifikelela esiphelweni kunyaka ozayo into ethetha ukuba xa ebeyicimile indodla yabakhubazekileyo lo kaMoshani bekuza kufuneka aphinde afake isicelo xa umbutho wakhe ungambuyiseli kwibhunga likamasipala.

Ephendula kumbandela wokunika ipasele yokutya umntwana wakhe, uMoshani uthe: “Ewe ngumntwana wam kodwa akabizi ifani yam kuba watshata. Ipasele yokutya uyifumene kuba akahlali kwam futhi usandula kubhujelwa yindoda.”

sithandiwe.velaphi@inl.co.za