Ubomi bethu busezandleni zethu!

Isigqibo sokwehliswa kwemiqathango elawula uvingco neentshukumo zabantu zibekwa kwiqondo lesithathu ngurhulumente, akhange sithathwe lula tu kwaphela.

UMongameli kuye kwafuneka ajonge iinkalo eziliqela. Uqoqosho oluxhwalekileyo kufuneka luqalise ukukhula ngokutsha logama kuqinisekiswa ukuba iimpilo zabemi zikhuselekile.

UMphathiswa wezeMpilo uGqirha Zweli Mkhize neqela leengcaphephe asebenza nazo, babonisa ukuba le ntsholongwane yeKhorana iseza kuthi gqolo isenza umonakalo. Baqikelela ukuba le ntsholongwane iza kuba igece imiphefumlo engaphaya kwama40 000 ngethuba sigaleleka kweyeNkanga.

Le ntsholongwane kungekudala iza kube yosulele izigidi ezintathu zabantu ehlabathini lonke. Amanye amazwe abethakele kakhulu yile ntsholongwane. UMzantsi Afrika uthe qwa ujamelene nayo ezilungileselela imfazwe enkulu.

Iinyanga ezilandelayo ziza kuba lukhuni kakhulu kwaye ziza kudinga izixhobo nemali yokulwa nale ntsholongwane. Uvingco okanye iLockdown inike urhulumente ithuba lokulungiselela le meko kwaye yinyani into yokuba asinakuhlala phantsi kovingco oko.

Eli thuba liyibhence ngokungakumbi intlupheko yabantu bakuthi, libonise ukungalingani kwentlanga nentswelomsebenzi. Yiyo lo nto siwancoma amacebo karhulumente okunciphisa indlala phakathi kwabantu bakhe.

Lonke eli thuba lishiye iinkampani zixhwalekile, ngoku lithuba lokuba zizivuselele ukuze ziqinisekise ukuba ziyakuqhuba zisondla iintsapho zoMzantsi Afrika.

Ziyancomeka iinzame zamaziko ezempilo koomasipala bonke kwakunye namaphondo.

Njengoko uMongameli Cyril Ramaphosa evakalisile “ubomi benu buxhomekeke kuni”. Ebengajuli tawuli koko ebebethelela umba wokuba kumele wonke umntu athathe uxanduva ngale meko, ukuyabula, ukungathobeli imigaqo yococeko, ukunganxibi izifonyo, zonke ezo zinto zikhangeleka zincinane kodwa zenza umahluko kumlo wokujamelana neli gongqongqo.

Sonke sinoxanduva lokulwa nale khorona kwaye ukusiwa kwethu kwiqondo lesithathu lovingco akumele kusinike ingqiqo yokuba sifikile eKanana. Ukuvunyelwa kwentengiso yotywala kusengandisa inani leengozi ezindleleni, ngoko ke masithi chu ngcembe nto zakuthi.

Masenzeni okusemandleni ukuqinisekisa ukuba le ntsholongwane siyayoyisa ngokuhlamba izandla, ukungahlangani singamaqela angaphaya kwama50 nokuhlala ekhaya. Khumbula ikhorona ayijekelezi, nguwe ongqubana nayo esithubeni.