USteve Komphela wenze emazwi emngcwabeni welinye lamajoni wakhe

USteve Komphela nabadlali beLamontville Golden Arrows engcwabeni kaSgora. Umfanekiso: Arrows

ILamontville
Golden Arrows ibeke umdlali wayo, uNkanyiso “Sgora” Mngwengwe kwikhaya
lokugqibela kwiveki ephelileyo. UMzantsi Afrika wonke wothuswe kukubhubha
kukaSgora ngesiquphe ekuseni ngoMvulo weveku egqithileyo. Uye waswelekela
esibhedlele ngenxa yesifo sentliziyo lutshilo usapho. Umqeqeshi wakhe, uSteve
Komphela, uvakalise ukuxheleka kwakhe sisehlo sokuhamba kwejoni lakhe – kodwa
wathi inxeba liya kuqaqamba kakhulu kubadlali beqela labadlali abancinane ngoba
bebenobudlelane kakhulu naye uMngwengwe. Nangona kusenzima ukuya kwiindawo
ezithile ngenxa yekhorona enyanzele abantu bahlale kwiindawo zabo – kodwa iqela
likwazile ukuyogxwala emswaneni kulo Mngwengwe owayekhe wanguKapteni weGolden
Arrows ngaphambili.
“Ebeyinkokeli eqavileyo uSgora futhi ebemanyelwa
ngoogxa bakhe kwi-Arrows. Kodwa abona bantu baza kuchaneka kakhulu ngabadlali
abadlalela iqela elincinci ngoba ebeluncedo kakhulu kubo,” utshilo uKomphela.

        Image may contain: one or more people, people standing, mountain, sky, outdoor and nature 

“Okudakumbisa
ngakumbi sisithuba esikhulu esishiywe nguSgora ngoba nguye kuphela ebethatha
abadlali abasetsha abase emidlalweni. Ngoyena mntu ebekwazi ukuncokola nabadlali
abasafufuzayo xa kukho into ebaxakileyo. Ebethatha inqwelomafutha yakhe
abagoduse abangenayo imali yokukhwela izithuthi zikawonke-wonke. Ebengafuni
nokuyibona eyabadlali beGolden Arrows abakhwela iikhombi zikawonke-wonke.
Ebeluncedo kakhulu ebadlalini abancinane. Yiyo lo nto ndikhathazeke kangaka.
Njengomntu oyinkokeli, kufuneka ndiqinisekise ukuba siyazila – kodwa silapha
ukuzothuthuzela usapho ngoba lelona lubetheke kakhulu. Esingakwenza ngoku
kukukhumbula konke okuhle akwenzileyo esaphila. Sinethemba lokuba uMdali uza
kuvula enye indlela,” utshilo uKomphela kubekwa uMngwengwe kwikhaya lakhe
lokugqibela. Nangona imidlalo isathe xha – kodwa kukho iingxelo ezithi ingabuya
kwiveki yokuqala kwinyanga yeKhala.